IiChilli Boys zizingela inqaku elinye

Umdlali weChippa United uRhulani Manzini umfanekiso: Luigi Bennett/BackpagePix

Iyasongwa isizini yePSL ka’2016/17 kule mpelaveki. IChippa United inomsebenzi omkhulu wokuzisindisa ezembeni emva kokugqwidiza kule sizini.

Eli likwindawo yeshumi elinesithathu kuluhlu lwamaqela adlala kwiPSL emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amabini anesixhenxe ngokulinganayo neFree State Stars edlala nayo ngoMgqibelo, eGoble Park Stadium ngo’15:00.

Kukho utshintsho kwiChippa ngoku kubuye uDan Malesela obenqunyanyisiwe ngenxa yeziphumo ezibi. Ukungabikho kwakhe kwenze izinto zambi ngakumbi, kodwa ekubuyeni kwakhe kuncedeke iChippa ngethuba ibetha iSuperSport United ngo’3-0 eBhayi kwiveki ephelileyo.

Loo manqaku enze umahluko ngoba iiChilli Boys zidinga inqaku elinye kumdlalo wokugqibela. Nangona kunjalo, uMalesela uxelele iintatheli kutshanje ukuba kufuneka iqela lakhe liyokudlala eFree State.

IChippa ibethwe yiSuperSport United kumdlalo weNedbank Cup ngempelaveki edlulileyo – kodwa lo nto ayimkhathazi uDan nangona ethe uphoxekile emva kokudlala kakuhle.

“Umdlalo esiya kuwo ubalulekile, andifuni kuthi ukubethwa kusincedile. Sinethuba lokuzilungiselela. Ndonelisekile yindlela abadlali abadlale ngayo neSuperSport,” utshilo uMalesela.

Amathemba wabalandeli beChippa asemagxeni kaRhulani Manzini ongcwabe iSuperSport ngamagowuli amathathu kwiveki ephelileyo.

UManzini ngomnye wabadlali abafake amagowuli aliqela kule sizini futhi ulithemba leChippa. Kunzima ukubethela iFree State ekhaya, iChippa kufuneka idlale ngokuzimisela okukhulu ngoba nayo ifuna ukusinda ezembeni.