Iqela laseMpuma Koloni, iiEastern Aloes, liphumelele ngendlela
encumisayo kumjikelo wesibini kukhuphiswano lweBrutal Fruit Netball Premier league ngempelaveki ngo’50-29 kwiholo iHeartfelt Arena.
Eli qela, liquka aba badlali: uGS Zanidle Njeza, GA Noluvuyo Nodludlume, WA Nontando Lusaseni, C Arne Rust, WD Nobulele Phuza, GD Zanele Vimbela, GK Zukelwa Cwaba. Eli qela libhexeshwa ngumqeqeshi uDes Neville, lothuse umzi ngokuthi liziphumelele zozithathu izigaba zalo mdlalo.
Kwisigaba sokuqala salo mdlalo, ii-Aloes bezikhokela ngamanqaku alishumi elinantathu, xeshikweni iiMpumalanga Sunbirds bezihleli kumanqaku alishumi (13-10).
Sisigaba sesibini apho iqela lasekhaya ii-Aloes liye lazibonakalisa ukuba lifuna impumelelo ngokuthi liqokelele amanqaku angamashumi amabini anesibhozo (28) kwalishumi elinesixhenxe (17) kwiqela lakwiphondo iMpumalanga, iSunbirds.
Umdlali othe wabalasela kwii-Aloes, nguZanele Vimbela, ochulumance kakhulu ngempumelelo yeli qela nelithe lagqibezela isigaba sesithathu ngamashumi amane ananye (41) kwangamashumi amabini anesine (24) kwiSunbirds, bawuphumelela lo mdlalo ngo’50-29.
Le mpumelelo iza emva kokubethwa kumjikelo wokuqala wolu khuphiswano yiKZN Kingdom Stars ngo’46-26. Eli qela lizakuzibona lisenyuka kuluhlu lamaqela alishumi kolu khuphiswano emva kokuzibhaqa lihleli emsileni kumjikelo wokuqala.
Kwezinye iziphumo
Sunbirds 28-66 Flames
Kingdom Stars 35-45 Fireballs
Southern Stings 35-31 Kingdom Stars Aloes 50-29 Sunbirds
Jaguars 65-34 Diamonds
Flames 55- 44 Crinums
Diamonds 46-38 Baobabs.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM