Iifolosi zePirates zintywilisele iCape Town City emdlalweni weDStv Premiership

UZakhele Lepasa iphinde wanceda i-Orlando Pirates ebethe iCape Town City emdlalweni weDStv Premiership namhlanje ebusuku. Umfanekiso: OP/Facebook

Ibuyela ekhaya iCape Town City ikhwetshele umsila uphakathi kwemilenze emva kokubethwa yi’Orlando Pirates ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium namhlanje ebusuku. Emva kokuthatha amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje, iPirates inyukele phezulwana kwindawo yesine kwiDStv Premiership. Amagowuli, antywilisele iCape Town City, afakwe nguZakhele Lepasa noPatrick Maswanganyi. Umntu obecinga ukuba iPirates iza kufaka amagowuli amaninzi kwisigaba sokuqala ngeke asolwe ngoba umdlalo ibiwuphethe futhi iyiyo ehlasela kakhulu. Enye yezinto iqela lika-Eric Tinkler elaziwa ngayo kudlala ibhola entle lisebenzisa isantya.

Kodwa alikwazanga ukuyenza lo nto emdlalweni wanamhlanje eSoweto. ULepasa ufake igowulo elihle ethe qelele emva kokunikelwa ibhola entle esebhokisini emdlalweni obutaka iintlantsi eSoweto. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uLepasa uphantse wenza enye idemesha – kodwa ngethamsanqa layo iCity, ibhola ifike ethe qwa uDarren Keet ezipalini. Emva kokuba ingadlalanga kakuhle kwisiqingatha sokuqala, kuye kwanyanzeleka ukuba iCape Town City kubekho into eyenzayo ukuze kuvaleke isikweleti ebinaso. Kuye kwabonakala ukuba uTinkler uwangxolisile amakhwenkwe wakhe emva kwexesha lokuphumla ngoba abuye adlala umdlalo ongconokakhulu kwisigaba sesibini kunePirates ebikhokela ngegowuli likaLepasa.

Lo nto inyanzele uJose Riveiro ukuba enze iinguqu kwangoko kwisigaba sesibini somdlalo. Ukhuphe uRelebohile Mofokeng noMonnapule Saleng. Iindawo zabo zithathwe nguKabelo Dlamini noDeon Hotto. Yena uTinkler ufake uNkanyiso Mayo ophantse wafumana igowuli ngebhola ebethe epalini imqhathile uSipho Chaine. UMaswanganyi ufake igowuli lesibini yatsho yaphumelela iPirates ngamagowuli amabini eqandeni. Nakubeni kubekho isikhalo ngegowuli lesibini, usompempe uthe liyabalwa nangona ibhola ingabonakalanga idlule yonke emgceni ethivini. Ukubethwa kweCity emidlalweni elandelelanayo kuza kumxhalabisa uTinkler nakubeni iqela lakhe beliyiqale kakuhle isizini. Komnye umdlalo, iGolden Arrows ibethe iSuperSport United ngamagowuli amathathu eqandeni namhlanje ngorhatya.