Iifolosi zikaBaxter zingayixaka iBucs

Amaqela aphambili kwibhola yeli loMzantsi Afrika azakulwela indebe yokugqibela kule mpelaveki.

ISuperSport United iswantsulisana ne-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup obalulekileyo ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu malanga ngoMgqibelo. Eli lithuba lokugqibela [kuwo omabini la maqela] lokuvala isizini ka’2015/16 engawahambelanga kakuhle omabini.

AmaBhakaniya azingela into anokuthi iwaxolise emva kwesizini ebibhityile kwicala lawo.

Umqeqeshi wePirates, * -Eric Tinkler, uyifuna kakhulu le ndebe ukuze abuyele kwimidlalo yeCaf Confederation Cup kunyaka ozayo. Iqela lakhe labethwa ngomzuzu wokugqibela kunyaka ophelileyo, kodwa unomdla wokubuyela khona futhi.

Kuphela kwethuba lokosula iinyembezi zabalandli eli. Ukubetha iSuperSport soze kube yinto elula kwiPirates emva komdlalo wangempelaveki ophelileyo ophele ebambene ngo’2-2 la maqela.

Ezimnyama zidlale kakhuhle, kodwa ngenxa yokudyuduza kwabadlali basemva Amatsatsantsa akwazile ukufaka amagowuli okulinganisa amabini ngomzuzu wokugqibela e-Orlando Stadium.

UStuart Baxter yindoda ekrelekrele, kwaye ekwaziyo ukuwafunda amaqela iwabethe futhi. Unamava uBaxter kunoTinkler emva kokuyenza le nto kwiNedbank ngethuba esaqeqesha iKaizer Chiefs.

Ngaphandle koko uneefolosi eziyingozi uBradley Grobler noJeremy Brockie, ongoyena mdlali ufake amanqaku amaninzi kwimidlalo iyonke kwisizini ephelileyo. Ukungahlangani kakuhle kwabadlali bePirates emva kungenza umsebenzi wamakhwenkwe kaBaxter lula kakhulu.

Emva kokusokola kwisizini ephelileyo, uBaxter ufuna into etafileni phambi kokulungiselela isizini ezayo. Ukaputeni weSuperSport, uDean Furman, uthe bazithembile futhi bawulungele umdlalo wale mpelaveki. “Sifuna ukuvala sifumene le ndebe,” utshilo uFurman ethetha kwiSoccerzone.

Ukuba uTinkler uyoyisakala nakwiNedbank Cup, lo nto ingachaphazela ikamva lakhe kakubi.

Abadlali abafana noThabo Matlaba, Sifiso Myeni noTendai Ndoro kulindeleke ithembele kubo iBucs kakhulu.