IiJunior Boks ziqhuba kakuhle eNgilane

Umdlali weJunior Boks, uCurwin Bosch, udlale ngokuzimisela kakhulu ngokuhlwa kwangoLwesithathu wanceda iiJunior Boks ukuba zizibekele indawo kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi.

UBosch udlale indima enkulu kakhulu kulo mdlalo kwaye ukwazile ukungqengqa emgceni, waqabelisa ibhola wafumana neepenalthi ezintathu.

Lo mdlali eyedwa ufake amanqaku alishumi eyedwa, ukunceda uMzantsi Afrika uphumelele ngo’40-31 ubetha iFrance. UMzantsi Afrika uza kudlala

neNgilane kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi ngoMvulo weveki ezayo. Kumdlalo wesibini ophambi kwamagqibela kankqoyi i-Ireland iza kungquzulana ne-Argentina.

NgoLwesithathu, izinto khange zihambe kakuhle kwizicwangciso zeJunior Boks kwaye umqeqeshi uDawie Theron ebezakuba yindoda ekhathazekileyo. IFrance ibihamba phambili ngo’24-18 ngelixa kusiyiwa ekhefini.

UMzantsi Afrika ubunyanzelekile uphumelele ngamanqaku alishumi elinesithathu ngaphezulu kweFrance, ufumane nenqaku lebhonasi ukuze ukwazi ukudlulela kwimidlalo ephambili kwamagqibela kankqoyi.