IiKings zikulungele ukuya e-Argentina

Umqeqeshi oyintloko weSouthern Kings, uDeon Davids ulibhengezile iqela lakhe elinabadlali abangamashumi amabini anesihlanu elizakuya kukhenketho e-Argentina kule mpelaveki.

Aba badlali baquka * -Edgar Marutlulle no-Sti Sithole, bobabini aba badlali bebephosiwe ngumdlalo phakathi kweeKings ne-Emirates Lions kwiveki ephelileyo eBhayi.

UStefan Willemse, onamava okudlala ecabangeni, naye uyinxalenye yabadlali abaza- kuthatha ukhenketho kunye nomdlali odlala kwindawo yesibhozo * -Aidon Davis. UDavids ubhengeze nokuba abadlali bangemva * -Elgar Watts noJaco van Tonder bazakubakhona nabo kwaba badlali bazakuya kukhenketho.

“Ngasemva sizakuba noJaco van Tonder, siyamazi ukuba uyakwazi ukudlala kwindawo yeshumi elinesihlanu, kwaye akakafumani thuba lokudlala kula ndawo kulo nyaka uLeighton Eksteen uzakuba lilalela yena,” utshilo uDavids.

“Siqondile ngoku ukuba kufike ixesha lokuba uJaco simnike ithuba simbone ukuba uqhuba njani na.”

UDavids uthi abadlali bakhe balindele umdlalo onzima ngoMgqibelo.

“Banabadlali abahlasela kakuhle ngaphambili kwiJaguares , kwaye bazakuza kuthi ngamandla abo onke,”wangeze ngokutsho uDavids.

Kulindeleke ukuba kubhengezwe abadlali abaza- kudlala ngoLwesihlanu, emva kokuba iqela ligalelekile e-Argentina.

Naba abadlali abazakuya kukhenketho:

Jaco van Tonder, Lukhanyo Am, Luzuko Vulindlu, Shane Gates, Stefan Watermeyer, Louis Fouche, Elgar Watts, James Hall, Ntando Kebe, Leighton Eksteen, Aidon Davis, Chris Cloete, CJ Velleman, Thembelani Bholi, Stefan Willemse, Steven Sykes, JC Astle, Schalk Ferreira, Jacobus Adriaanse, Sti Sithole, Tom Botha, Justin Ackerman, Edgar Marutlulle, Martin Bezuidenhout, Martin Ferreira.