IiLions ziguqe phantsi ngenxa yokudelela

ILions iguqiswe yiJaguares ejongelwe phantsi kumdlalo weSuper Rugby ngoMgqibelo. Abafana bakaJohn Ackerman babethwe ngo’34-22 kulo mdlalo, ibingumdlalo wokugqibela weSuper Rugby kule sizini.

Uyenzile impazamo lo mqeqeshi ngokukhetha abadlali abancinci ukuba bamele eli qela, kodwa la mava eSuper Rugby azakubanceda kwixesha elizayo.

Ngoku iLions izakudlala neCrusaders apha eMzantsi Afrika kule mpelaveki izayo.

ILions ibikhokela ngamanqaku kulo mdlalo ekuqaleni kwawo kwade kwayiwa ekhefini, kodwa xa kubuywa iJaguares ibonakalise ukuba inamandla ngaphezulu kwabo.

Oosotheko baye bangqengqa emgceni amatyeli ambalwa kwiLions, abadlali abawele umgca nguSylvian Mahuza no-Anthony Volmink. Ngoku eli qela libuyele eRhawutini sele lilungiselela umdlalo weveki ezayo. Komnye umdlalo ubunikisa umdla apha eMzantsi Afrika, iBulls ingombe iCheetahs ngo’43-17. Into ezavuyisa iBulls nomqeqeshi linqaku lebhonasi elithe lafumaneka kulo mdlalo.

UTravis Ismaiel noRenaldo Bothma bangqengqe emgceni bobabini kwiBulls, kwaye bafake amanqaku alishumi umdlali ngamnye. UJamba Ulengo uye wangqengqa naye ekalikeni ngomzuzu wokugqibela ukuqinisekisa ngenqaku le- bhonasi. ISuper Rugby yalo nyaka khange ibe yemnandi kakhulu kulo nyaka.

Omabini la maqela ebedlalela igugu lawo kuphela ngoMgqibelo. Bekusele kucacile ukuba iBulls ayidluleli kumjikelo olandelayo, kulandela ukuphumelela kweeSharks ngoLwesihlanu. Kwelayo icala iCheetahs iphumelele imidlalo emine kuphela kwiSuper Rugby yalo nyaka, kwaye abadlali bebezixelele ukuba abafuni ukuyivala kakubi isizini.