IiLions ziyakhokela kwiSuper Rugby

IiSharks zizibone zisengxakini kwiSuper Rugby kule mpelaveki emva kokubethwa ziiLions ngo’24-9, eThekwini ngoMgqibelo.

Impumelelo yeeLions kulo mdlalo ithetha ukuba eli qela lilo elikwindawo

yokuqala kwinkomfa yalapha e-Afrika kumaqela eSuper Rugby.

Eli qela laseGoli likwazile ukunyamezela uxinizelelo obelisuka kwiiSharks, kwaye lilo ebelikhokela ngo’18-6 ngelixa kuphela isiqingatha sokuqala. Lo mdlalo khange utakise ntlasi kwaphela kuba omabini la maqela ebesenza iimpazamo. Abadlali bangaphambili beeSharks abaquka uTendai Mtawarira noCoenie Oosthuizen bebesohlwaywa oko. IiLions ngoku zinamanqaku alishumi elinesibhozo, zishiya iiSharks ngamaqaku amabini, omabini la maqela sele edlale imidlalo emithandathu yeSuper Rugby ukuzakuthi ga ngoku.

Iqela elithe laphumelela inkomfa yalapha eMzantsi Afrika kule sizini, liqinisekiswa ukuba liza- kudlala imidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi.

Umdlali obuya ekwenzakaleni weeLions uElton Jantjies uze namanqaku alishumi elinesine kulo mdlalo. UJantjies unamanqaku ayi-85 kule sizini, kwaye ngowesibini kubadlali abanamanqaku amaninzi ulandela emva koDuncan McKenzi weWaikato Chiefs.

Ukungqengqa emngceni kukaAndries Ferreira noLionel Mapoe kuncede iiLions ukuba ziphumelele. Umdlali okhabayo weeSharks uJoe Pieterson naye uzamile ukuqokelela amanqaku. Komnye umdlalo wangoMgqibelo iiSouthern Kings zibethwe ziVodacom Bulls ngo’38-6.