Iimbaleki zaseMthatha ezisweleyo zicela amalizo ebantwini

Iimbaleki zeFairfield Athletics Club yakwaDosi, eMthatha, zilungiselela ukuya kwiNcorha Race ekwinyanga ezayo eCofimvaba. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeSilimela, iimbaleki eziphuma kwiindawo ngeendawo kwiphondo leMpuma Koloni, ziza kuhlangana eNcorha, eCofimvaba – apho kukho ugqatso lweembaleki. Iimbaleki zaseMthatha ezibalekela iqela ekuthiwa yiFairfield Athletics Club zinomnqweno wokuba yinxalenye yeNcorha Fun Run – kodwa zinexhala lokuba zingangakwazi ukuya ngoba azinayo imali yokubhatala okanye imoto enokuzithwala iyokuzibeka eCofimvaba. Eli qela laseMthatha lasekwa nguNwabisa Magade kwilali yakwaDosi eminyakeni edlulileyo.

Into eyabangela aseke iqela leembaleki uNwabiso kukuba uyimbaleki yena kuqala – kodwa okubalulekileyo kuye kukuvumbulula italente endaweni yakhe ancedise abantwana ukuze bakhule kwezembaleki. Akukho nto ilula ngoba uMagade akayo imali yokubhatala iindleko zokuhambisa iqela lakhe xa lisiya kwiindawo ezikude. Ukhona umntu oqhele ukubanceda – kodwa kuba iNcorha ithe qelele, akakwazi ukubanceda. Ngokokutsho kukaNwabisa, iqela lakhe lizimisele uya neshumi elinesihlanu leembaleki eCofimvaba. Iimbaleki ezineminyaka ephakathi kwesibhozo neshumi elinesithandathu zilishumi, zibe ntlanu ezindala.

“Zilishumi elinesihlanu iimbaleki ezibonakalise umdla okwangoku. Abantu bayathula, bathi gqi ngomzuzu wokugqibela kuba bengenayo imali. Sicela uncedo ebantwini abanokusinceda siye eCofimvaba. Nangona liphantsi kwam iqela – kodwa ndiyoyisakala ngamanye amaxesha ngoba imali ayikho. Abona bafuna ukuncediswa kakhulu ngaba basebancinci. Akululanga kubazali babo ngoba abanye abakwazi ukubhatalela abantwana ababini nabathathu xa sisiya endaweni ekude,” utshilo uNwabisa.

Ukuya kweembaleki zakhe kwiNcorha Race kubalulekile ngoba kuza kuncedisa kakhulu ekukhuleni kwazo njengeembaleki ezilungiselelwa ixesha elizayo. Umntu onomdla wokunceda angatsalela uNwabisa umnxebeni ophathwayo okanye amzame kuWhatsApp: 061 434 1946.