Iimbaleki zoMzantsi Afrika zibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye!

Iqela leembaleki zoMzantsi Afrika libethe iintaka ezimbini ngelitye kwitumente yeembaleki ekuthiwa yiWorld Relay Championship. Iimbaleki zoMzantsi Afrika, zikhokelwa ngu-Akani Simbine, zibuyele ekhaya nembasa yegolide zafumana netikiti lokuya kwimidlalo ye-Olimpiki emva kokuphumelela umgama obude bungamakhulu amane (4x100m) eSilesia kwilizwe lasePoland ngeCawe edlulileyo. UMzantsi ube nesiqalo esihle ukusuka kuThando Dlodlo onikele uGift Leotlela.

Yena uSimbine, ogqibezeleyo nangona ebesokoliswa nguPaulo de Oliveira waseBrazil, uthathe kuClarence Munyia. Emva kokuba ephume entanjeni ephambili, uSimbine khange akwazi ukuzibamba ngenxa yemincili. “Sonwabe kakhulu. Size sizixelele ukuba apha ePoland kufuneka sigoduke sifumene imbasa. Siyenzile lo nto. Ndivuyela kakhulu amadoda endibaleka nawo. Bendisazi ukuba umsebenzi uza kuba nzima – kodwa bendiqinisekile ukuba ndiza kuyifumana imbaleki ephambi kwam,” utshilo uSimbine.

Ukuphumelela kweqela lamadoda azimbaleki kwiWorld Relay Championship yinto enkulu kuMzantsi Afrika ngoba zange ukwazi ukuzibekela indawo kwi-Olimpiki kwilixa eligqithileyo. “Kuza kwaziwana kwi-Olimpiki. Bekunzima ukubaleka phantsi kwesimo esikhoyo ngoba asiqhelekanga. Kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba zisame ukusiqhela. Le tumente ibaluleke kakhulu kuthi njengokuba sijonge kwi-Olimpiki. Njengokuba sigqibile ngale, ngoku siza kuzibalekela siziqu nangona sisaya kumalungiselelo phambi kokuya eTokyo,” utshilo uSimbine.

Umqeqeshi weqela loMzantsi Afrika, uPaul Gorries, uxelele i-Independent Media ukuba iimbaleki ziza kunikwa ithuba lokuphumla phambi kokuqala kwamalungiselelo we-Olimpiki. Yena uWarner Prinsloo, ongumqeqeshi kaSimbine, uthe imbaleki yakhe iza kuntingela kwilizwe lase-Italy phambi kokuqala kwesizini eza kubaleka kuyo kumazwe afana neCzech Republic neMelika.