Iimbethi manqindi zaseChris Hani, zimanxadanxada
ngamalungiselelo emidlalo yephondo ezakuba ngomhla weshumi ukuya kutsho ngoweshumi elinesibini kuJuni kuKomani, kwisikolo iJJ Sepforntein kumasipala weChris Hani.
Kuzakube kusilwa abadlali abakudidi olungahlawulwayo olubizwa ngokuba zii-Ellite Boxers. I’solezwe lesiXhosa lithethe nomquzeleli wamanqindi eChris Hani, uMabhuti Mapeyi, uthe bayilungele le midlalo.
UMapeyi uthi balishumi elinesibini abadlali baseChris Hani abazakuthi bathathe inxaxheba kule midlalo. Abadlali bazakungena kwiinkampu zoqeqesho ezohlukeneyo yonke le nyanga belungiselela le tumente inkulu.
Lo kaMapeyi uthi kulindeleke ukuba iintshatsheli zeminyaka edlulileyo zaseChris Hani eziquka, * -Ati Hola, ziphinde zibuyise iintshinga zazo.
UMapeyi uthe: “iyandonelisa indlela abadlala ngayo abadlali baseChris Hani, kangangokuba ndiyaqiniseka ukuba zikho iintshatsheli ezizakuphuma kuthi nakulo unyaka. Kodwa ukuze oku sikuphumelele ndicela intsebenziswano kubaqeqeshi bamaqela ale ngingqi anabadlali abachongiweyo, ukuba bakhulule abadlali, okwesibini bazifake kwangethuba iziqinisekiso zokuzalwa kwabo nazo zonke iimpepha ezifunekayo.” Xa sibalula amaqela eChris Hani, anabadlali abaya kule tumente singabalula iqela leXhalanga Boxing Club, Queenstown Boys Boxing Club,Tambo Boxing Club nezinye. Kwaye la maqela sele ezibonakalisile kwiminyaka engaphambili ukuba ayakwazi ukwenza iintshatsheli zephondo nezikazwelonke. Bonke abahlali noosomashishini baseChris Hani bathe bayayivuyela le midlalo xa isiza kwiindawo abakuzo, kudala beweva amanqindi kusithiwa aseMonti.
Ngoku bazakuwabukela kwezi lali zabo bengakhuphanga nepeni, bexhasa abantwana babo.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung