Iimbethi manqindi zethu zingasinda ezembeni

Amanqindi ngomnye wemidlalo ebethelela ngamandla imbeko nokuziphatha. Kaloku lo mdlalo eyonanto ungayo kukufundisa ubuchule obukhethekileyo bokubethwa komntu eqongeni.

Imbethi-manqindi ithi yakufunda amaqhinga alo mdlalo ivuthe amadangatye, kulapho imbeko yokuziphatha kufuneka ikhokeliswe ngabaphathi nosapho lwembethi-manqindi. Ibangumonakalo ombi xa imbethi-manqindi ithe ayasetyenzwa engqondweni, ixelelwe ngezi nkalo ndizikhankanye ngentla.

Ubundlobongela nokungakhathaleli bomi yenye yengxaki esinayo kumaxesha esiphila kuwo. Ingaba sizakulahla amanzi nosana okanye sizakulwa kumile ingca emqolo sikhusela umdlao wethu? Eyona nto indisusileyo, ndizame ukuba sifune isisombululo sisonke, ngumba wokonzakala kweembethi-manqindi zethu.

Oku kwenzeka kakhulu kweli phondo, kungakhethe sithili sitheni, nambethi manqindi ikweliphi inqanaba. Ukuluma nje amabal’ engwe kwabathe bangamaxhoba; ngeminyaka yoo-90, umfana oseze ngobuso ezweni, uSiyabonga China Gabha, wabalixhoba lokuhlatywa, wayelithemba laseGcuwa, uLwazi Mzolisa, wasinda ngezikasibi kuhlaselo awalifumanayo, kodwa akazange akwazi ukuqhubeka nalo mdlalo, ithemba laseTinarha noMzantsi Afrika uMzukisi Lacia Skali owayesakuba yinjinga yehlabathi naye wasandulela, ngentla yentshuntshe yoonqal’intloko abangenalusini. Xa kanye sisithi lo mkhuba unyamalele uphinda uyavela kwaye uvele ngohlobo olungathandekiyo.

Umhlonyane ke uthi ukuze usebenze kakuhle kube siyaziwa isigulo eso. Ingaba yintoni ebangela ukuba iimbethi-manqindi zethu zibengamaxhoba okulinyazwa ngakumbi ukuhlatywa? Singatyhola ubundlobongela obugqubayo, kodwa ndinenkolo ethi neembethi manqindi zethu zizifumana zikwimeko ecekethekileyo kungafanele.

Umthetho owawufundiswa nosafundiswayo kumaqela ethu, ngowokuba ibayinto yokugqibela ukusebenzisa izandla zethu ekusombululeni nayiphi iyantlukwano esinayo. Eyesibini imfundiso enkulu, kukuba utywala nalo mdlalo awuhambiselani konke.

Omnye umthetho kamthetho uthi ixesha lokulala kufuneka lihlonitshwe ziimbethi-manqindi kuba umzimba uyafuna ukuphumla. Zonke ezi mfundiso zibalulekile kwaye zingasikhupha ekulahlekweni yitalente yeli lizwe isavele ngeempondo.

Umbhalo ubugcwele amakhasi ezoyolo naphephandaba ngowokulwa kweembethi-manqindi ezisuka kubuhlanti obunye nobudumileyo i-Eyethu, ngumboniso lo ekusekude engqinibeni kodwa kusafuneka siqinise kwezi mfundiso. Ingxaki ke engamandla yeyokuba ezi mfundiso azinakuqiniswa ngabaphathi bodwa koko abazali nokuhlala kufuneka bathathe igxathu ekuchileni imikhwa engeyiyo kubadlali.

Okwenzeka esizweni nasekuhlaleni akucingi kungabinafuthe kwiimbethi-manqindi zethu.

Kungoko kungafuneki sibukele xa kukho okungekuhle, sithi yinto yamanqindi le. Kutheni ke ngoku xa iimbethi-manqindi zethu zibonwa kwiindawo ezingakhiyo, ingakumbi kwimizi ethengisa iinyembesi zenkosazana singenakuzama amacebo okukhalima.

Kufuneka ukuze ke siluthathe ngokupheleleyo olu xanduva sazi ukuba inqindi asingomdlalo kuphela kweli phondo koko uyigolide yethu, ukwancedisa kuqoqosho lesizwe. Aba bantwana xa bephumelele bazanodumo kumakhaya ethu nakwizixeko zethu.

Amathuba emisebenzi avuleleka ngenxa yezakhono nobuchwepheshe ingaphaya kweqonga. Umlo oseMdantsane ukhulisa uqoqosho kwezothutho, iindawo zokulala, abathengisi basezitalatweni, abezoncedo lokuqala nabanye endingabakhankanyanga. Bonke abantu endibakhankanye ngentla banoxanduva kuba ezi mveku zigxotha ikati eziko kumakhaya abo.

Imfundiso yoqeqesho ngobomi kubadlali yona iyafuneka ngamandla, kungoko abaxhuzula imikhala kulo mdlalo kufuneka bathezele emnxebeni sinqande le lahleko.

Kananjalo ndakuba ndilahlekisa isizwe xa ndingenokuphosa nakubadlali ngokwabo kuba uninzi lwabo lumazinyw’asibhozo. Ezi mfundiso nezi ziyalo ukuba azisiwa so ngoosingaye ingaba sikha nje amanzi ngenkonxa evuzayo.

Umbutho wembethi-manqindi mawubhinqe omfutshane ujongane nokukhathalela iimbethi-manqindi, ulwe kubemdak’isali ufuna ukufundiswa amava obomi kwiimbethi manqindi.

Mandiqwele ngelithi ke, iqhalo elithi inyathi ibuzwa kwabaphambili libalulekile kakhulu. Iimbethi manqindi ezinjengoBungu noNcitha zisahlonitshwa ngenxa yokuziphatha, kwaye bebenalo lonke ithuba lokuzonwabisa koko behluza xa besela ukuba bebesela phofu. Kwanele ngoku.