Iimbethimanqindi zaseMthatha ziphumelele

Zigoduke ziphoxekile iimbethimanqindi zaseTanzania emva kokuboniswa amaqhekez’engqele emilweni ebiseMthatha.

USikho Nqothole ubethe uJemsi Khabizane emlweni wentshinga ebingenamntu ye-IBO All Africa Junior Bantam.

Komnye umlo, uBangile Nyanganu uzibethele uSelemani Bangaiza kwiWBA Africa Mini-flyweight.

Inkampani yabathelekisi bamanqindi, iBlaque Magic Sports Promotions ibambisene noMasipala waseKing Sabatha Dalindyebo, baququzelele itumente yamanqindi ebibanjelwe eCicirha TVET College ngelibhiyozela ubomi bukaMongameli uNelson Rholihlahla Mandela ongasekhoyo.

Umqeqeshi kaNgothole, uAlan Toweel, uzincomile kakhulu iimbethimanqindi zakhe ngokwenza umsebenzi eqongeni ngendlela ebilungiselelwe ngayo imilo yazo.