Iimbethimanqindi zelizwe ziza eMdantsane

UTeris Ntutu okhokela iRumble Afrika Promotions uququzelela itumente yamanqindi eza kwamkela iimbethimanqindi eziselula. Umfanekiso: Facebook.

Inkampani eququzelela imidlalo yamanqindi, iRumbe Afrika Promotions, iza kusingatha itumente emilo elishumi elinanye kungekudala.

Le tumente yamanqindi iza kugxila ekuphuhliseni iimbethimanqindi ezisakhasayo ezifuna ukuba ziintshatsheli zangomso.

Imilo iza kuqala ngentsimbi yesibini emva kwemini eMdantsane Indoor Sports Centre ngomhla weshumi kweyeNkanga.

Umlo ophambili wetumente uza kuba phakathi kowayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika yodidi loSiba nolweJunior Lightweight, uAphiwe Mboyiya ophuma eAmalinda noAnthony Moloisane waseFree State.

Umlo wezi mbethimanqindi uza kuba nemijikelo esibhozo kudidi lweJunior Lightweight.

Imilo enemijikelo emithandathu: UPhumelela Sobahle waseZiphunzana eMonti, uza kuzama ukubuyisa isidima sakhe xa ebethana noSiphesihle Mntungwa waKwaZulu-Natal emlweni wodidi lweLightweight.

Kudidi lweMpukane, uAthenkosi Tongwana waseDukashe uphekuzana ngamanqindi noGaveni Nkwenteni waseSanta. Yena uAsanda Ginqi waseMdantsane uza kuxangxathana noSiphesihle Mntungwa osuka KwaZulu-Natal emlweni wodidi loSiba.

Kwidabi laseZiphunzana, uLihle Gingxana uza kuqhekezana noMbulelo Dyani emlweni okudidi lweJunior Featherweight.

Kanti kwiJunior Welterweight, uChumani Tunzi waseMdantsane uza kungquzulana noSiya Mabena waseGauteng. Igqala laseMdantsane, uBongani Silila, uza kuvan’ amandla noLusizo Manzana waseMthatha kudidi lweMpukane.

UXolisile Voyi waseMdantsane uza kuqala uhambo lwakhe lweJunior Flyweight xa equbisana noMogale Molefe waseNorth West.

Komnye umlo wodidi lweJunior Flyweight, uThandolwethu Kwenteni waseQumrha uphekuzana ngamanqindi noThandolwethu Hlanganani waseNdevana emilweni enemijikelo emine.

Yena uSiphesihle Sityo waseZiphunzane uza kuqhekezana noThobela Khuhlane waseGinsberg. Zona ezi mbethimanqindi ziza kulwa kudidi lweNgcongolo.

Kwelinye idabi laseZiphunzane, uHlumelo Makonco uza kutyakatyana noBagcine Gowa kudidi lweJunior Bantamweight.