Ziyaqala ukuntshula iziphumo ezincumisayo zephulo elihle leMpucuko Sport Development elijoliswe ekuphuhliseni iintshatsheli zangomso. Oku kuthe kwacaka kakhulu emva kokuba iimbethimanqindi zalapha eMpuma Koloni zibuye nenqwaba yeembasa zegolide kwitumente yamanqindi ebibanjelwe kwiphondo laseGauteng.
Kwishumi elinesihlanu leembethimanqindi ezineminyaka engaphantsi kweshuli elinesihlanu, ishumi elinesithathu likwazile ukuphumelela kakuhle imilo yalo. Intloko yeMpucuko Sport Development, uMnu. Ncedo Cecane, ixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba bathathe iintshatsheli ezaphumelela kwitumente ayayikwiinyanga zokuqala kulo nyaka bazisa eGauteng – apho bebefuna zidibane nezinye ukuze bajonge inqubela yazo emdlalweni wamanqindi.
“Kwitumente ebiseKwindla, sithathe abantwana ngoba sijonge ukuba babe semgangathweni ophezulu ngo2028. Besifuna ukubavavanya. Esi sisiqalo kwinkqubo yethu,” utshilo ophethe iMpucuko Sport.
Ukuphumelela kweshumi elinesithathu yinto enkulu futhi icacisa mhlophe ukuba umsebenzi wabo mhle. Ababini abangaphumelelanga kwilinge labo lokuqala basenethuba elihle kakhulu lokulungisa iziphene ngoba basakhula.
IMpuma Koloni yindawo eyazibalula ngokuvelisa iintshatsheli zehlabathi. Kodwa ngenxa yokungabikho kotyalomali emanqindini, kukho ukungahambi kakuhle nokufuduka kweembethimanqindi ngoku. Ihlumelo liza kubuyisa isidima sephondo kwakhona.
Ethetha emva kokuphumelela kwabantwana bakhe, uCecane uthe iliso labo likunyaka ka2028 futhi baphathwe kakubi kukungabikho kwabantu abadlala amanqindi abamela uMzantsi Afrika kwimidlalo efana neye’Olimpiki esongwe kule nyanga eFrance.
“Sikhathazwa ngumbuzo othi: basekhona na abantwana abadlala amanqindi kweli phondo? Ngaphambili sasimelwe ngabantu abafana nooMakhephula nabanye. Sathi masizame sijonge ukuba abantwana beli phondo ngeke bafike na kweza tumente zinkulu. Esi ibisisiqalo ngoba sifuna ukujonga umgama esingawuhamba nabo,” utshilo uCecane.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?