Umqeqeshi weMorocco, uWalid Regragui, uthi ubukho beqela lakhe kumaqela wokugqibela amane kwiFifa World Cup akuyiyo impazamo kwaye injongo yabo (beli qela) bafuna ukuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Oku kuthethwe nguRegragui, 47, phambi komdlalo omkhulu nojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweMorocco neFrance ebusuku ngentsimbi yethoba eAl Bayt Stadium. Ziyagquma iingonyama zaseMorocco futhi umgqubo wazo uvakala mbombo zone zehlabathi. Emva kokwenza imbali ngokuba lilizwe lokuqala lase-Afrika alifumene indawo kumaqela amane ashiyekileyo kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar – ngoku iMorocco igxeleshe indebe buqu.
Ukuze yenzeke lo nto kufuneka ibethe iFrance eziintshatsheli zehlabathi ezaphakamisa indebe eRussia ngo-2018. Izithembe kakhulu iMorocco phambi komdlalo omkhulu namhlanje ngoba endleleni yayo iwise amazwe afana neSpain esaphumelela indebe eMzantsi Afrika nePortugal. “Ningacinga ukuba ndiphambene xa ndisithi kuni sifuna ukuya emdlalweni wokugqibela weFifa World Cup,” utshilo uRegragui ethetha neentatheli kule veki. “Asonelisekanga yindawo esikuyo ngoku. Sifuna ukuwisa omnye umthi omkhulu njengoko senzile kwiBelgium, iCroatia, iSpain nePortugal ukuze siye emdlalweni wokugqibela weFifa World Cup,” utshilo uRegragui, indoda yokuqala kwizwekazi leAfrika ethathe iqela yalibeka endaweni ephezulu kwitumente yehlabathi yebhola ekhatywayo.
Iintshatsheli zehlabathi ezikhuselayo ziya emdlalweni wanamhlanje ziqhayisa ngeziqwayi zeefolosi zabadlali ezifana noKylian Mbappe, Olivier Giroud no-Antoine Greizmann abaqinisekise ukuba zifumana ithuba lokukhusela indebe. Ngabadlali abo abawise amazwe afana neNgilane, iAustralia neDenmark endleleni phambi komdlalo wanamhlanje. Kwelayo icala, iMorocco inabadlali abayingozi abaquka uHakim Ziyech, uRomain Saiss, uYahya Attiat-Allah noYoussef EN-NESYRI. Iqela eliphumeleleyo namhlanje liza kudibana neArgentina evuthulule iCroatia ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseLusail Iconic Stadium izolo ebusuku.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10