Emva kokubeka ecaleni iScotland, umqeqeshi weSpringbok uthi iingqondo zabo bazibeke emdlalweni olandelayo. UJacques Nienaber ebephawula ngomdlalo wokuqala kwitumente yehlabathi obungeCawe egqithileyo. Emdlalweni obunzima kakhulu, AmaBhokobhoko aye awuphumelela ngo’18-3 umdlalo obubanjelwe eStade Velodrome, eMarseille. Ngoku abila esoma AmaBhokobhoko enkampini alunguselela kuyo ukudibana neRomania emdlalweni wesibini wetumente yehlabathi oza kube useStade Bordeaux, eBordeaux, ngo-17:45 ngeCawe. Noxa uMzantsi Afrika uphumelele kakuhle – kodwa awudlalanga ngendlela ebilindelwe ngabantu abaninzi.
Ngenxa yomgangatho ophantsi kunoweentshatsheli ezikhuselayo, kukho abantu abathetha nge-Ireland eza kudlala noMzantsi Afrika. “Asifuni nokuyicinga into ye-Ireland okwangoku. Iingqondo zethu sizibeke kwiRomania esiza kudlala nayo,” utshilo uNienaber, ovumileyo ukuba iqela lakhe lenze iimpazamo emdlalweni ogqithileyo ekufuneka zilungiswe emdlalweni olandelayo. “Kufuneka silungise iimpazamo esizenze emdlalweni ogqithileyo singekahambi kakhulu. Zininzi izinto ezifuna ingqwalasela futhi siqinisekise ukuba siya kwiRomania silungele ukudlala,” utshilo umqeqeshi, ovumileyo ukuba indlela ekhabe ngayo amapenela uMonie Libbok ibingeyiyo ebilindelekile.
“Indlela esikhabe ngayo ibingaqinanga. Siye sisazi kakuhle ukuba umdlalo uza kuba nzima ngoba besidlala neScotland ekwindawo yesihlanu kwihlabathi. Bekunyanzelekile ukuba sibebukhali. Ukuba ungajonga nomdlalo wango2021, sasibetha ngo’30-15 iScotland,” utshilo uNienaber, oya emdlalweni olandelayo ngaphandle komdlali obalulekileyo, uEben Etzebeth, oza kuthi xha ekudlaleni iintsuku ezilushumi emva kokonzakala egxalabeni emdlalweni obueseMarseille. Kunokwenzeka uNienaber enze iinguqu eziliqela emdlalweni olandelayo. Uza kunika abadlali abaliqela ithuba lokudlala ukuze abe enabadlali abaliqela abakwisimo esihle phambi kokudibana ne-Ireland kwiveki ezayo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?