Iingxoxo phakathi kweSafa noShakes Mashaba zixingile

UShakes Mashaba uyise enkundleni yabasebenzi iSafa. Umfanekiso: BackpagePix

UShakes Mashaba, obefudula eqeqesha iqela lesizwe lebhola ekhatywayo, neSafa baya kwaCCMA (Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration) emva kokuxinga kweengxoko izolo ebezichotshelwe ngumxazululi weembambano ozimeleyo okanye ongakhethi cala.

Emva kokugxothwa kwakhe uMashaba, wagqiba kwelokuba ayimangalele iSafa ayityhola ngokumgxotha ngokungafanelekanga. UShakes Mashaba wafunyanwa enetyala emva kokugibisela iinkokeli zeSafa ngamazwi anganyamezelekiyo kanye emva komdlalo owawuphakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseSenegal ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo.

Ngoku iSafa ayikwazi ukuqesha umqeqeshi omtsha kusekho lo mba ongekasonjululwa. Izikhulu zombutho olawula ibhola ekhatywayo zihleli phezu kwezicelo ezifakwe ngabaqeqeshi abaliqela abanomdla wokuqeqesha iBafana Bafana.

Nangona kungekacaci ukuba ngubani oyena mntu oyakuthi angene endaweni kaMashaba – kodwa amagama wabantu abafana noGavin Hunt, Herve Renard, Carlos Queiroz noStuart Baxter aphakathi kwalawo ekucingeleka ukuba kungakhethwa kuwo.

Umongameli weSafa, uDanny Jordaan, waxelela amajelo endaba kwinyanga ephelileyo ukuba ukuchongwa komqeqeshi omtsha uzakuxhomekeka ekugqityweni komba kaShakes Mashaba. Le mbambano ephakathi kukaShakes neSafa iya kwaCCMA kwakhona, umhla wendibano awukaziswa.