Ngokuhlwa ngoMgqibelo, ebedlala ibhola kwiMaritzburg United kumdlalo wayo ne-Orlando Pirates kwaye wafaka igowuli, kodwa ekuseni ngeCawa uye wasweleka.
Abantu abazibonele ngamehlo, bathi ukubalekisa imoto, kungenzeka ukuba ngoyena nobangela wokusweleka komdlali weMaritzburg, uMondli Cele kunye nentatheli yezemidlalo uDelisiwe Ngwenya, ngentsasa yangeCawa.
UCele, nobeneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uswelekele esibhedlele. Ngelixa, uNgwenya noneminyaka engamashumi amabini anethoba eswelekele kwindawo yengozi. Le ngozi yenzeke eMgungundlovu emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni ngeCawa.
Abasetyhini ababini, baye batsalwa ngabalobi kwesi sithuthi, nebesele singene ngaphakathi kumlambo waseMsunduzi, e-Alexander Park. Kukholeleka ukuba uCele nguye ebeqhuba, ngala mzuzu.
Amapolisa athe asaphanda ngale ngozi, kwaye amalungu osapho athe aya kule ndawo yenzeke kuyo le ngozi, ayazibuza ngeyonanto ibangele ingozi.
Abantu abaziboneleyo ababini, bathi ukubalekisa ngokugqithisileyo kungenzeka ukuba ngunobangela wale ngozi.
UBongani Ndlovu, oqokelela iitoti, uthi iphantse yangena kuye le moto. “Ibihamba ngesantya esiphezulu, kuye kwanyanzeleka ukuba ndisuke endleleni. Iye yangqubeka kwalapha endleleni umqhubi waphulukana nolawulo layo, kulapho ithe yaya ngqo emlanjeni,” utshilo uNdlovu.
UPatrick Ntuli nongomnye oziboneleyo uthi, ebesendleleni eya emsebenzini, ehamba eDurban Road, ngelixa esiva ukwenzeka kwale ngozi.
“La moto ibibaleka kakhulu. Ndiyivile izama ukuqhobosha, ndeva ingxolo, ndaqonda ukuba ikhona into eyenzekileyo,” utshilo uNtuli.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo