Iintetha zakhe uDavid Thidiela zimfake engxakini

UDavid Thidiela usikiwe yiPSL unyaka wonke nomdliwo wesigidi serandi ngenxa yeentetha zakhe ezimbi umfanekiso: BackpagePix

Zimnqikele ilitye elineembovane iintetha zakhe ezimbi usihlalo weBlack Leopards.

NgoLwesibini wale veki, ikomiti yoluleko kwiPSL inqumamise uDavid Thidiela isithuba esingunyaka engasondeli ebholeni.

Ngaphezulu koko imbethe ngomdliwo wesigidi seerandi (R1-million).

UThidiela wohlwaywe yikomiti eqwalasela izinto eziphuma ecaleni ngoba wagrogrisa waphinda wenza iintetha ezinobuhlanga ebhekisa kuVictor Hlungwani – usompempe owayephethe umdlalo owawuphakathi kweqela lakhe iBlack Leopards neBloemfontein Celtic.

Lo mdlalo owawubanjelwe eThohoyandou waphunyelelwa yiCeltic ngegowuli elinye eqandeni (1-0).

Zange kuphelele apho, uThidiela wakhwela ezehlela kusihlalo wePSL, uIrvin Khoza, kwimbalelwano eyasatyalaliswa kumajelo eendaba awayethandabuza isikhokelo sikaKhoza nokulungela kwakhe ukukhokela iqumrhu elifana nePSL.

UThidiela wathi iPSL ifanelwe yinkokheli – hayi indoda enye enguzwilakhe.

Loo mazwi nokuziphatha kukaThidiela kwasicaphukisa isigqeba esikhokela iPSL – kodwa kubonakala ngathi leyo iya kunikwa ingqwalasela yayo yodwa ngoba ayibandakanywa kwisigwebo sale veki. Kuqwalaselwe isenzo sakhe eThohoyandou kuphela.

Ngaphandle kwamathandabuzo, usihlalo weLeopards uza kufumana esinye isigwebo esiqatha ngenxa yezinto awazithetha kwimbalelwano yakhe ezinxamnye nendlela esebenza ngayo iPSL.

Akukacaci nokuba uThidiela uya kusiphikisa na isigwebo asinikiweyo ekuqaleni kwale veki. Ingxelo yamajelo eendaba ithi iLeopards ithe iyakwenza ilizwi yakube isifunde ngokupheleleyo isigwebo.

IBlack Leopards, enyuselwe phambi kokuqala kwesizini yePSL ka2018/19, igqwidizile kakhulu ekuqaleni kwesizini phantsi kukaJoel Masutha – kodwa ibingekabikho sengozini.

Akucaci nokuba iintetha ezimbi zikaThidiela zaziphenjelelwe yintoni.

Kulindeleke iLeopards idlale umdlalo wayo olandelayo neHighlands Park ekupheleni kwenyanga.