Iintshatsheli zeBetway Premiership ziza kufumana iR20-million yonke!

UGqirha Irvin Khoza nguSihlalo weNational Soccer League. Umfanekiso: Facebook

Kwinyanga yesithathu isizini iqalile, iPremier Soccer League ibhengeze imali eza kufunyanwa liqela eliphumeleleyo. Ethetha kwiindibano yamajelo eendaba, uGqirha Irvin Khoza, uthe iintshatsheli zeBetway Premiership ziza kufumana indebe ekhatshwa yimali ezizigidi ezangamashumi amabini erandi (R20-million).

UBetway wabhengezwa njengomxhasi omtsha phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo emva kokuba uDStv wayirhoxisa inkxaso yakhe ngenxa yokungaqhubi kakuhle kukaMultiChoice. Kwisizini ezigqithileyo, iintshatsheli bezifumana ishumi elinesihlanu lezigidi zerandi (R15-million).

UGqirha Khoza zange athethe ngemali eza kufunyanwa liqela eliphambili nakubeni watsho ukuba uBetway uza kuxhasa iPSL ngemali ekumakhulu alithoba ezigidi zerandi (R900-million). Indebe ayikabonwa ngabantu baseMzantsi Afrika – kodwa kuthiwa iyeza. “Le yiveki yam yokugqibela njengoSihlalo weNational Soccer League (NSL).

Phambi konyulo olukwiveki ezayo, ndithe mandiqoshelise izinto ebezishiyekile,” utshilo uGqirha Khoza ekulindeleke ukuba onyulwe enkomfeni kwakhona. “Xa sasibhengeza uBetway njengomxhasi wethu sashiya izinto ezombini. Enye yazo yaba yimali eza kufunyanwa liqela eliphumeleleyo.

“Namhlanje ndifuna ukwazisa ukuba iintshatsheli ziza kufumana iR20-million. Into esingekathethi ngayo yindebe. Yona iza kuthatha ixesha ngoba iza kwenziwa ngendlela ekhethekileyo. Indlela eyenziwe ngayo iza kuba nenkcubeko yethu ebholeni ekhatywayo. Zininzi izinto ezenzekileyo nesingafuni ukuzilibala ebholeni ekhatywayo.

“Iza kuba yinto entle, engazange ibonwe kweli lizwe,” utshilo uSihlalo wePSL. Mabini amaqela ekubonakala ngathi aza kuphikisana kule sizini. Loo maqela yi’Orlando Pirates neMamelodi Sundowns. Enkcochoyini ngoku kuhleli iPirates eyiphumelele yosixhenxe imidlalo yayo yeBetway Premiership. Emva kwayo yiSundowns ephumelele imidlalo emithandathu.