Iintshatsheli zeDiski Challenge ziza kuya eNgilane

Iintshatsheli zeMultiChoice Diski Challenge, iBloemfontein Celtic, eza kumela ilizwe eNgilane umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Kudlaliwe kwagqitywa, intshatsheli yiBloemfontein Celtic. Emva kwemidlalo emininzi edlaliweyo ukusukela kunyaka ophelileyo – kuye kwacaca okokuba iCeltic ayinantanga.

Yiyo lo nto ithweliswe isithsaba sokutshatshela kwiMultiChoice Diski Challenge kwiveki ephelileyo.

Isiwelele liqela elisokolayo kakhulu kwicala lezemali kodwa abadlali bayo bakwazile ukubeka iingqondo zabo emsebenzini wabo kwade kwasekugqibeleni.

ICeltic ibe ziintshatsheli emva kokubetha iKaizer Chiefs ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni wokuvala isizini obunzima kakhulu eMakhulong Stadium.

Phambi komdlalo bekukho uxinizelelo kwiCeltic ngokuba bekukho amaqela afana neCape Town City, iPolokwane City neSuperSport United abegacele ukuba ziintshatsheli ekupheleni kwesizini yeDiski Challenge edlalwa ngabadlali abasakhulayo, nabo bangafumani mathuba kakuhle kumaqela amakhulu adlala kwiAbsa Premier Soccer League.

Ukuphumelela kweCeltic akothusanga ngokuba ibiqhube kakuhle nakwiisizini ezigqithileyo.

Eyona nto ethe yanceda abadlali beCeltic ukuze bangaphazanyiswa zezinye izinto ezixikixa iqela elidala kukulibala ngeengxaki ezingaphaya kwamandla abo.

Leyo yinto ethethwe nguAbram Nteo – umqeqeshi oqinisekisileyo okokuba igama leSiwelele liyabhalwa kwiincwadi zamaqela aphumelele indebe enkulu yeDiski Challenge.

“Kuyasichulumancisa kakhulu ukuba ziintshatsheli. Abadlali bethu banethuba beqhuba kakuhle kwiMDC.

Ukuba uyaqaphela, iqela lethu belisoloko lombethwe ziingxaki, kodwa sabaxelela abadlali ukuba iingqondo zabo mabazibeke emsebenzini wabo ezinye izinto zakuzilungela. Sonwabile kuba yenzekile lo nto,” utshilo uNteo.

Njengokuba iziintshatsheli iCeltic, lo nto ithetha ukuthi yiyo eza kuthi imele uMzantsi Afrika kwilizwe laseNgilane – apho kulindeleke okokuba idlale namanye amaqela aseYurophu.

Indawo yesibini kule sizini ithathwe yiCape Town City. Amaqela akhe ayiphakamisa indebe yeMDC aquka iMamelodi Sundowns neGolden Arrows.