Iintsuku zibaliwe kwidabi likaSiyo noKhonco

Akusentsuku zatywala lifike usuku ebelukade lixelwa. NgoMqibelo iintandane zalapha eMpuma Koloni, uSiyabonga “ Smiling Assasin” Siyo uzakube ajamelene noSimphiwe “Chain Reaction” Khonco e-Emperors Palace.

Ezi ndedeba zizakube zijijisana ngentshinga ye-IBO mimi-flyweight engenamntu. UKhonco uzenzele udumo kunyaka ophelileyo xa wayesilwa noHekkie Budler osele evela kuba yintshatsheli yehlabathi, eRhawutini. Emva koko uKhonco usele ethatha isigqibo sokuba asele ehlala isigxina eGoli, ngelokukhangela amadlelo aluhlaza.

USiyo ohlala eDuncan Village akayombethi manqindi kudala ikhona kudidi lweflyweight, kodwa ukwazile ukuzenzela igama. Kudala enqwenela ukulwa noKhonco, kwaye lo mlo kuye kukufezeka komqweno wakhe.

Le tumente nezakube iququzelelwa nguRodney Berman weGolden Gloves ibizwa ngokuba yi “Night of Reckoning”. Phakathi kwezinye iimbethi manqindi ezizakube zisilwa kule tumente nguJoshua Studdard walapha eMzantsi Afrika. Akakabethwa kwimilo esixhenxe edlulileyo, kwaye uzakube esilwa okokuqala kudidi lwejunior-featherweight . Le tumente izakube isasazwa ngqo kuSuperSport kumabonakude. Umququzeleli kaSiyo * -Andile Sidinile uvakala njengomntu ozithembileyo ngembethi manqindi yakhe.

“Ulilungele eli thuba,” utshilo uSidinile. “Kodwa ndiyeva ukuba uKhonco naye uwunyusile umgangatho womdlalo wakhe. Ndilindele umlo ozakubanzima kakhulu.”

Abanye balapha eMzantsi abazakulwa nguKevin Lerena noJohnny Muller kudidi lweCruiser Weight.