IiProteas neSeamers zidlale ngokulingana

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba, iiProteas, lidlale ngokulingana kumdlalo wobuhlobo eQueen’s Park Oval ngecawe eSpain. Lo mdlalo uye wachithwa ngabaphathi emva kokugalela ngamandla kwemvula kwaze kwasetyenziswa into ebizwa ngokuba yiDuckworth-

Lewis kwiqakamba. Iqela elingabasindleki belisukela * -127 sele kuwe oothinti abathathu phantsi. Ayihlanga kakuhle lo nto kwiSeamers ebezisaqhuba kakuhle, kwaye zisekhondweni lokusukela u280/9. Eyona nto ibiphazamisa iiWest Indies emoyeni kukuba zikwazile ukudlala umdlalo ozinzileyo phambi kokuba abadlali abafana noKyle Abbott, uKagiso Rabada no-Imran Tahir bachola chole bawise abantu phambi kokunetha kwemvula.

Owayeyikaputeni weeProteas, * -Ashim Amla, udlale kakuhle emva kokwenza imitsi engamashumi alithoba anambini kwiibhola ezingamashumi asibhozo anesithathu. Oku kwenzeke emva kokuba ukaputeni obambeleyo, uJP Duminy, ephumelele itosi. Wonelisekile kakhulu * -Amla, ulincomile iqela lakhe elidlale kakuhle. “Xa utyelela iqela endaweni yalo, eyona nto ibalulekileyo kukuqinisekisa ukuba aniwi. Ngakumbi emva kwexesha elide ningadlali. Sidlale kakuhle, kodwa ngelishwa ndifumene ibathwana lemitsi,” utshilo * -Amla.

“Abalawuli bemidlalo baye banyanzeleka ukuba bathathe isigqibo esifanelekileyo ngenxa yengxaki ebangelwe yimvula,” waleke ngalo mazwi * -Amla.