IiSharks zijonge lukhulu kumdlalo wangoMgqibelo

Umdlalo wale mpelaveki phakathi kweeSharks neeLions ubaluleke kakhulu kweli qela laseThekwini. Ngalo mzuzu iiSharks zinamanqaku angamashumi amathathu anesihlanu kuluhlu lamaqela eSuper Rugby, kwaye zishiyekelwe yimidlalo emithathu.

Kule mpelaveki zidlala neeLions eRhawutini, zidlale imidlalo emibini ekhaya xa zisamkela iSunwolves neeCheetahs.

Owona mdlalo ubalulekileyo kwiiSharks nakwamanye amaqela adlala kwiSuper Rugby ngulo wale mpelaveki, kuba zizakube zidlala neqela ebeliqhuba kakuhle kakhulu oko iqalile isizini yalo nyaka.

Mhlawumbi ke umdlalo weeLions uphazanyisiwe likhefu leeveki ezine obeluthathwe ngenxa yemidlalo yeeBoks, kodwa loo nto izakubonakala ngoMqibelo. Impumelelo yeeSharks xa zidlala neeLions izakuthetha ukuba eli qela liza- kugqiba isizini linamanqaku angamashumi amane anethoba, kodwa loo nto ingaxhomekeka kumanqaku ebhonasi. Le nto ingenzeka xa iiSharks zikwazile nokubetha iiCheetahs neSunwolves, akufanelanga ibeyinto enzima leyo ukuba zingakwazi ukubetha iiLions.

Ukuba iiSharks ziyawafumana la manqaku nakanjani loo nto izakuqinisekisa ukuba ziyayifumana indawo kwimidlalo yeeplayoffs.

Ukubethwa kweeSharks kule mpelaveki nokuba kungenqaku elinye lebhonasi, kuzakuthetha ukuba amathuba okudlulela phambili ayancipha.

Imidlalo emibini yeeLions elandelayo zizakujamelana neeSouthern Kings kuqala phambi kokuba zindwendwele iJaguares kumdlalo ekulindeleke ubelula kakhulu kwiiLions. Nokuba zibethiwe iiLions ziiSharks zisenalo ithuba lokuba zilungise izinto kwimidlalo emibini ezakulandela emva kwalo wempelaveki.