Iitumente ezininzi zidla epokothweni!

Ngaphezulu kwesiqingatha seetumente eziqhubekayo kweli lizwe zenzeka kweli phondo leMpuma Koloni. I-

nxalenye yezi tumente ibanjelwa kumasipala ombaxa iBuffalo City.

Kule mpela-veki siphuma kuyo, iitumente kula ngingqi bezintathu, ukuqala ngoLwesihlanu ukuya ngeCawa.

Zonke ezi tumente bezikwizinga eliphezulu. Abanye abantu bazakuthi abalandeli babanenyhweba yokukhetha imilo abafuna ukuya kuyo.

Bambi bathi akukho mfuneko yokukhuphisana kwabathelekisi kuba abalandeli bayakrwitsheka epokothweni ngenxa yesimo semali nentswela-nqesho kweli.

Andingomgwebi uSokhetye kule nyewe kodwa makhe siqwalasele imicimbi embalwa engasinika umkhomba ndlela kulo mba.

Ukhuphiswano lwabathelekisi lungalulutho kubathandi balo mdlalo, kodwa kwangaxeshanye kungeza neengxaki ezingathi zisokolise ababukeli.

Masiqale sijonge icala elihle ke. Sinethamsanqa elikhulu thina siyakwazi nokukhetha itumente kwezinye iindawo akukho kwanto.

Njengoko sesitshilo ngasentla ukuba ibangumdliva, kuxhelwe exhukwana, ayingobathandi bomdlalo bodwa ke abaxhamlayo, iimbethi manqindi zifumana ithuba lokulwa elinqabileyo, abaqeqeshi nabaphathi bayancuma ngasepokothweni.

Kwicala elingelihlanga, ngabalandeli abayintsika yalo mdlalo nabadleka epokothweni.

Kule mpela-veki siphuma kuyo umrhumo wezi tumente zonke ubukumyinge wamashumi amane eerandi (R400).

Omnye mhlawumbi angathi uninzi lwabo alukhange luye kuzo zonke ezi tumente, kodwa ndingakuqinisekisa ukuba akunjalo abalandeli beli phondo banenkenkqe ngomdlalo wabo, abafuni kuphoswa zitumente ezikhoyo.

Ukungabikho koomabona kude kuyenze yambi ngakumbi imeko yabalandeli. Akululanga ukunqanda abathelekisi benze imilo ngempela-veki enye ngenxa yezinto ezininzi, esingabalula phakathi kwazo iintsuku apho uninzi lwabalandeli luvela efestileni, iholide nezinye iimeko. Amaxabiso ale milo aya enyuka ebengaphaya kwabalandeli.

Ezi meko zibangela ukuba kungabikho nani likhulu elizokuxhasa kule milo.

Iqumrhu elilawulayo uBSA linoxanduva lokuza nesikhokelo, kuqinisekwe nokuba imilo ekwizinga lehlabathi ayidityaniswa ngeveki enye.

IMpuma Kapa likhaya lamanqindi ngokwenene, kungoko sibona ngokubona ngalo mdlalo, kuba sonke sifuna ukuwufunqula uye kwelinye inqanaba.