Iitumente zakutshanje zinika ithemba emanqindini!!

Sonwabo Nogqala

Kumabinza agqithileyo, sikhe sabhala ngomsantsa ophakathi kwamanqindi neminye imidlalo. Iziganeko ezenzeke kwiveki ephelileyo zibonisa ukuba ukhona umzamo wokuvalwa kwalo msantsa. Ilokishi yaseMdantsane ibime ngxi ngomhla wamalungelo abantu. Le lokishi ibikhumbula iminyaka engamashumi amathandathu (60) yaya kulahlwa kwindawo ezingumqwebedu isuswa kufutshane nabamhlophe.

Eyona nto ebinomtsalane kubahlali belokishi kuwongwa nokukhunjulwa kwegalelo lovulindlela emanqindini akuquka uNkosana “Happy-Boy” Mgxaji. Bambi bade bayilibala nentsingiselo yosuku, bacinga ukuba ngumsitho wokuwonga uNkosana Mgxaji nabamanqindi. Oku kwenziwa kukuba abantu bamanqindi basukumile baphuma ngobuninzi babo futhi bawuhombisa umsitho.

Isebe lezemidlao likaZwelonke belibambe umsitho wokuwonga abadlali abaphume izandla eMzantsi Afrika kunyaka ka 2022. Umdlali ophuma kweli phondo, eMonti, noweza nembasa yeBronze kwimidlalo yamazwe anagaMathanga (Common wealth games), uSimnikiwe Bongco, uwongwe njengoyena mdlali othe wabalasela nonekamva eliqaqambileyo eMzantsi Afrika (Best new comer) kula msitho.

Urhulumente weMpuma Kapa, ebambisene nabathelekisi abakwicandelo lophuhliso lwabadlali abakwizinga lwabahlawulwayo, bebebambe iitumente ezimbini kwiidolophu ezahlukeneyo ezingabonwa njengeendawo ezifukama amanqindi. IZulu Boxing Promotion ibiseCawa ngosuku lwangoMgqibelo. Yona iTewo Boxing Promotions ibikwidolophu yaseMthatha. Zombini bezisingethe imilo yentshinga zeli phondo.

Zonke ezi ziganeko zibonisa ukuba umdlalo wethu wamanqindi ukwindlela eya empumelelweni kwaye abantu bamanqindi ngabo abahamaba phambili ekwenzeni lo mdlalo ubukeke. Kwelinye lamanqaku ebesikhe sahlaba ukushiywa kwalo mdlao yeminye imidlalo besithe makuphakanywe kubuyiselwe isidima samanqindi endaweni yaso. Kuyakhuthaza oku kungentla kwaye kufuna ukubhengezwa kwaziwe luluntu jikelele.

Oku akuthethi ukuba makungahlatywa amadlala kungathethwa ngezimilo ezigodolisa lo mdlalo. Iziphathamandla kusekunizi ekufuneka zikwenzile ukuze siqabele iqhina. Iimbeethimanqindi enguSive Nontshinga ephumelele imfazwe yayo kwisibaya sobekhusela ayichongangwa kumsitho wamawonga. Oku ngumzekelo wokubonisa umsebenzi onzima osephambi kwethu.

Ukuze sikwazi ukuqubisana nale mingeni, kufuneka siqale silume umthamo esiza kukwazi ukuwuhlafuna. Siqale ngokusasaza iindaba ezinomdla nezimnandi ngamanqindi. Sikhokelise imanyano futhi sivale umsantsa wokungalingani kwamaphande needolophu. Singekabi nazicwangciso zokulola izakhono zabaqeqeshi kwizinga lehlabathi, siza kuma ndaweninye. Kuyakhuthaza kodwa ukubona ukuba izigxeko ezakhayo aziweli kumhlaba olilwalwa futhi ngabantu bamanqindi abakhokele ukuqinisekisa ukuba amanqindi aya enkcochoyini.

Sithi Huntshu!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!

Izimvo zikaSonwabo Nogqala