Ijonge lukhulu imbaleki yaseDutywa

Imbaleki uYanga malusi emva kokuphumelela ukhuphiswano iWeirs Cash n Carry eGcuwa ngeCawe. Umfanekiso: ANELE RAZIYA

Xa imbaleki ibaleka inkqenkqeza phambili kwezo ikhuphisana nazo kuthiwa “ayibaleki isusa
amaphepha.” 

Oyimbaleki eDutywa uYanga Malusi (19) uzibonakalise ukungabi nantanga kwimidyarho yeembaleki ebiseGcuwa kumasipala uMnquma ngempelaveki.

 Le dyongwana iphumelele iSpargs SuperSpar Birthday Bonanza Great Fast 5KM ngoMgqibelo, waphinda waphumelela umdyarho ozikhilomitha ezilishumi, iWeirs Cash n Carry 10KM, ngeCawe kwaseGcuwa. 

Le midyarho ibe yeyesihlanu ephunyelelwa ngokaMalusi kulo nyaka, nobalekela iqela
leembaleki, Abahlobo Athletics.

Ukucwagcisa
ngokwaneleyo, ukuhambela kude kwiziyobisi kunye nokutya ukutya okuya egazini zezona zinto azichaze njengemfihlelo yakhe.

“Kubalulekile
ukuziqeqesha ngokwaneleyo ngalo lonke ixesha, nokuba awuzukuthatha nxaxheba emdyarhweni, kwaye uhambele kude
kwiziyobisi,” utshilo uMalusi.

Kwimidyarho esele
ibalekiwe eGcuwa kulo nyaka, 
nayiphumeleleyo uMalusi singabalula iDr Mafuya 5KM, Tase Brothers 5KM,
Wayside Hotel Budget 5KM kunye nale mibini yangempelaveki.

UMalusi uthi uchulumance
kakhulu kukhusela intshinga yakhe kule midyarho, kwaye
usajonge ukuphumelela elandelayo.

“Ngoku ndigxeleshe
ukuthatha inxaxheba kwakhona kwiNelson Mandela 10KM, nangona
ndingazange ndiqhube kakuhle kuyo kunyaka ophelileyo, kodwa impumelelo yam yaseGcuwa
iyandikhuthaza,” iqhube yatsho le dyongwana.

Emva kokuba ephumelele le midyarho uMalusi ugoduke nemali engange R1 100, iR600 kwiSpargs 5KM ngoMgqibelo, neR500  kwiWeirs Cash n Carry 10KM ngeCawe.

Kunyaka ophelileyo wayiphumelela yosixhenxe imidyarho eyayisindlekwe eGcuwa, kwaye kubonakala ngathi nakulo nyaka uzakuyiphinda le mbali.

Iziphumo ezipheleleyo
zale midyarho, n
goMgqibelo (Spargs 5KM).

Amadoda

1 Yanga Malusi (Abahlobo
Athletics Club) R600

2 Sisa Qalani (Royal
Striders Club) R400

3 Benathi Mgquba (Royal
Striders Club) R300

Abasetyhini

1 Asathi Mvalo (Royal
Striders Club) R600

2 Xoliswa Bici (Nedbank
Club) R400

3 Anelisa Mkhuba (Royal
Striders Club) R300

 

NgeCawe (Weirs Cash n Carry 10KM)

1 Yanga Malusi (Abahlobo
Athletics Club) R500

2 Xolani Ganca
(Butterworth Athletics Club) R300

3 Benathi Mgquba (Hlazo
Athletics Club) R250

Abasetyhini

1 Busisiwe Gazana
(Mnandi Club) R500

2 Sylvia Sonjica
(Abahlobo Athletics Club) R300

3 Vuziwe Dlavana (Hlazo
Athletics Club) R250