Ijongene nobunzima iChippa United

IChippa United nedlala phantsi koxinizelelo kakhulu ekuhambeni, izakube ikhangela isitya ebumnyameni xa indwendwela iMamelodi Sundowns eLucas Moripe, ngokuhlwa namhlanje.

ISundowns ihleli kwindawo yokuqala kuluhlu lamaqela, e-Absa Premiership, kwaye izakube ifuna ukubethelela indawo yayo, nokuvula umsantsa kumaqela angemva kwayo, afana neBidvest Wits.

Basenomfutho abadlali baka Pitso Mosimane, kuba bebesandula kubetha iMaritzburg United ngamagowuli amathathu kwamabini, kumdlalo wePSL wangoMgqibelo.

Ngelixa yona iChippa ehleli kwindawo yesithandathu kwi-PSL ibibethwe ngegowuli elinye eqandeni yiBlack Aces, ngoMgqibelo.

Nangona idlala kakuhle iSundowns, kodwa i-Aces bayishiya ngamanqaku amathathu, kwaye uMosimane ujonje ukusele evula umsantsa.

Kwaye lo mqeqeshi uvakalisa ukuba akakungxamelanga ukutshintsha iqela lakhe ngoku kuba lidlala kakuhle.