IJunior Boks ziyokumela ilizwe eNgilane

Ikapteni yeJunior Boks, uJunior Pokomela, uthi iqela lakhe likulungele ukuzibonakalisa, kwindebe yehlabathi yombhoxo yabaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini.

Le tumente izakube ibanjelwe eManchester, eNgilane ukusukela namhlanje. UMzantsi Afrika uzakube ujamelele neJapan.

Eli qela neliqeqeshwa nguDawie Theron besele liziqeqeshile amatyeli amabini eManchester ngeCawa, kwaye liye laqoshelisa inkqubo yalo yokuziqeqesha emva kwemini izolo.

“Siye safumana ithuba lokuphumla iintsuku ezimbini emva kohambo olubheka eManchester, kwaye sikwazile ukuzilungisa phambi komdlalo,” utshilo uPokomela.

“Indlela esiziqeqeshe ngayo ngeCawa bekubonakala ukuzimisela kakhulu kwaye abadlali bafuna buvakale ubukho babo. Yonke into iyadibana ngoku kuba ufikile umdlalo wokuqala. Abadlali bayayazi ukuba kubaluleke kanjani na ukuba siqale umdlalo kwizinga eliphezulu, sizimisele ukwenza uMzantsi Afrika uzingce ngathi.”

IJunior Boks zizakujamelana ne-Argentina kumdlalo wazo wesibini ngoMgqibelo, kwaye ziza- kuqwela lo umjikelo wemidlalo ngokujamelana neFrance ngomhla weshumi elinesihlanu.

Imidlalo ephambi kweyamagqibela kankqoyi iza- kudlalwa ngomhla wamashumi amabini, ze owamagqibela kankqoyi udlalwe ngomhla wamashumi amabini anesihlanu.

“Indlela esifuna ukungena ngayo kukuba sizame ukuphumelela yonke imidlalo. Eyonanto siyijonge ngamandla ngalo mzuzu kukuphumelela lo mdlalo sizakuwudlala kunye neJapan,” utshilo uPokomela.

“Kufuneka sikwazi ukuzithemba kwaye sidlale ngesantya kolu khuphiswano , into ezakusinceda siyenze le nto kukuqala kakuhle.”