IKentane United igoduke neshumi lamawaka eerandi!

IKentane United igoduke namawaka alishumi eerandi emva kokuphumelela itumente yePasika ebibanjelwe eGcuwa Umfanekiso: Anele Raziya

Iintshatsheli zeSAB Regional League kwingingqi yaseMnquma, iKentane United, igoduke neshumi lamawaka eerandi (R10 000) likhatshwa yindebe neembasa zeegolide emva kokuphumelela eWalter Sisulu University, eGcuwa.

IKentane United yoyise amaqela alishumi elinesithandathu ebekhuphisana kwiMatta Challenge Easter Soccer Tournament. Imidlalo iqale ngoLwesihlanu idlalelwa eMsobomvu naseBika – apho amaqela ahluzene kwizigaba zetumente phambi kweyokugqibela.

Phambi komdlalo wamagqibela kankqoyi, iBashe Eagles ibethwe yiFC Relatives yaseMnquma ngo’4-2 kumapenela lo gama iNgqamakhwe United ibethwe yiKentane United ngo’6-5 kumapenela.

Kumdlalo wokugqibela obumhle, ububukeleka futhi ushushu, iKentane United ibethe iFC Relatives ngo’3-2 emdlalweni. Yona iFC Relatives igoduke nemali engamawaka amahlanu eerandi (R5 000) kunye neembasa zesilivere.

INgqamakhwe United ephume kwindawo yesithathu ifumene amawaka amathathu akhatshwa ziimbasa zeBronze ezingamashumi amabini anesibini.

IBashe Eagles izifumanele amawaka amabini (R2000) ngokuphuma kwindawo yesine. Umxhasi wale tumente ngumnikazi weqela elidlala kwiABC Motsepe League, iMatta Milan, uMnu. Silence Matta uthe uchulumance kakhulu ngumdlalo awubonileyo kula maqela weSAB Regional League, kwaye uthi lo nto iyamkhuthaza ukuba aphinde aqhubeke nokuxhasa le midlalo.

Ibikokuqala ezimbalini into yokuba amaqela weSAB Regional League waseMbhashe nawaseMnquma athelekiswe wodwa kwitumente efana nale.

Obekwikomiti eququzelela le tumente, uMnu Bongeni Mathanga, uthi iinjongo zale midlalo kukwakha ubuhlobo phakathi koMbhashe noMnquma kwezemidlalo kwakunye nokuphuhlisa abadlali abasakhulayo.

UMathanga ubulele noMnu uMatta ngokuxhasa itumente ngezixhobo zonke zemidlalo kuquka namabhaso.