IKentane United inethemba lokuya kwi-ABC Motsepe League

UMnikazi weqela elitshatsheleyo, iKentane United, kwiSAB Regional League (Mnquma stream), uGqirha Lungile Zamxaka, unethemba lokuba iintwana zakhe ziza kuqhuba kakuhle kwimidlalo yokuxabangela neyiyokuzibekela indawo kwi-ABC Motsepe League. IKentane United iqubisana namaqela aphumelele eMathole kule mpelaveki eDutywa. Eli qela lakuCentane liziintshatsheli zeSAB league eMnquma emva kokuba livale isizini ka-2017/18 lihleli kwindawo yokuqala ngamanqaku angamashumi amabini anesibini. UGqirha Zamxaka encokole neli phepha alixelele ukuba unethemba lokuba baza kwenza ngcono kulo nyaka kwimidlalo yokuxabangela ngokungafaniyo nakunyaka ophelileyo.
“Siqale uthatha ixhanxeba kwiSAB League kunyaka ophelileyo. Safika saziintshatsheli, safumana nethuba lokudlalela ukuya kwiMotsepe League – kodwa izinto zange zisihambela kakuhle,” utshilo uZamxaka.
“I Try Again ekwiABC Motsepe League eli qela lase Amahlathi yiyo eyaphumelela le midlalo yeplay-offs ibetha amanye amaqela kunye nathi,” utshilo uZamxaka.
Kodwa kweli ityeli uthembisa ngokuba baza kusebenzisa amava abawafumene kunyaka ophelileyo kwimidlalo ezayo. Amalungiselelo weqela uthi ahamba kakuhle kwaye nabadlali bakulungele ukuthatha ixhanxeba kule midlalo izakubanjelwa kumabala aseDutywa eNgumbela Stadium uqala ngoMngqibelo uyokuma ngeCawa. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana ithuba lokuba liyokudlala namanye amaqela ephondo.

Ngalo mini yalo midlalo amaqela aza kuhluzana kushiyeke amabini aza kunyuselwa aye kwi-ABC Motsepe League. Kutshanje, iKentane United ibisando kuphumelela iMatta Challenge Easter Soccer Tournament, eWalter Sisulu United, eGcuwa – apho yawabetha onke amaqela adlala kwiSAB League aseMbhashe kuquka naseMnquma.