Ikhahlele ku-Amodu obhubhileyo iPirates

Indoda yelizwe laseNigeria eyayifudula iqeqesha i-Orlando Pirates kwiminyaka eyadlulayo ibekwe kwikhaya layo lokugqibela.

UShaibu Amodu usweleke ngoLwesihlanu ekhayeni lakhe kanye nje emva kweentsuku ezintathu kubhubhe uStephen Keshi owayeqeqesha iqela lesizwe laseNigeria.

Le ndedeba isweleka ineminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo eminyaka, yaqeqesha iPirates ngo’1997/98 emva kokuba kwathi kwahamba uViktor Bondarenko.

Nangona kungekho ndebe iiBucs ezayifumanayo ngexesha lakhe, kodwa zinike imbeko kuye nanjengomntu owayibeka kwindawo yesithathu iPirates.

“Siyi Orlando Pirates sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lukaShaibu Amodu. Nangona ingowaseNigeria, kodwa ayingomntu ongaziwayo eMzantsi Afrika nanjengoko wayengumqeqeshi wePirates ekupheleni kweminyaka yoo’90. Emva kokuhamba kwakhe uqeqeshe iNigeria waphinda wabamba isikhundla esiphezulu kwiiSuper Eagles,” itshilo iPirates.