Umqeqeshi weChippa United uDan Malesela ukhalela amathuba elidlale ngawo iqela lakhe.
UJoseph Malongoane, owenza umsebenzi weefolosi kutshanje, uzibonakalisile kwakhona ukuba unako ukufaka amagowuli kwiChippa, kumdlalo wayizolo xa iChippa ibindwendwele iSupersport United ePeter Mokaba Stadium. Igowuli likaMalongoane, nepenalthi efakwe nguKingston Nkhatha kuphela kwamagowuli afakiweyo.
IChippa United ibonakalise ukutshintsha kakhulu xa uthelekisa umdlalo wayo wayizolo, kunye nomdlalo ophambi kwalo. Ifolosi yeSupersport United uNkhatha wenze umsebenzi oncomekayo ukuxakekisa abadlali bangasemva beChippa kunye nonozinti uAyanda Masiko. UMalesela uthi wonelisekile yindlela edlale ngayo iChippa.
“Ukudlala ntanganye kude nekhaya, noko loo nto ibonakalisa ukuba sisebenzile kodwa lo ngowona mdlalo ebekufanele ukuba siwuphumelele.”
Kwisiqingatha sokuqala iSupersport ibiwulawula lo mdlalo, kuhlasela uJeremy Brockie ekushumisa izinto esizikithini sebala.
IiChilli Boys bezibonakalisa ukulambela impumelelo kwisiqingatha sesibini, kodwa iSuperSport ibivalile ngasemva. Abafana bakaMalesela basebenzela ukuba iphele le sizini bephakathi kwamaqela asibhozo aphezulu kwiPSL. Komnye umdlalo wePSL iCeltic idlale ntanganye ngeqanda macala kumdlalo phakathi kwayo neGolden Arrows.
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs