Ikhalela amathuba iNgilane emva kokubethwa yiCroatia

Croatia's Ivan Rakitic and England's Kyle Walker battle for the ball during the FIFA World Cup, Semi Final match at the Luzhniki Stadium, Moscow. By: Owen Humphreys / PA

Ayiphuncule
intlak’isemlonyeni AmaNgesi! Oku kwenzeka emva kokuba ebethwe ngo’2-1 kumdlalo
wendebe yehlabathi ophambi kwamagqibela kankqoyi eLuzhniki Stadium kobu busuku.
Ilizwe laseCroatia liya kumdlalo wamagqqibela kankqoyi okokuqala kwimbali yendebe
yehlabathi emva kokudlala umdlalo ophucukileyo nonomtsalanye ukusukela
ekuqaleni kwale tumente. Indawo ekuyo iCroatia ayothusi ngoba iyisebenzele
ngokuzimisela okukhulu. Nakubeni iNgilane iphoswe lelinye ithuba lokubuyisa
isidima sayo kwibhola yehlabathi – kodwa abalandeli bayo abebephume ngobunzi
ukuyobukela umdlalo, bayiqhwabele izandla emva komdlalo.

Abadlali
beNgilane benze umsebenzi omhle kakhulu kwi-2018 FIFA World Cup nakubeni bekucaca
ukuba kukho ukungabikho kwamava okwaneleyo ngamaxesha athile emdlalweni wabo. Umdlalo
wanamhlanje bekufaneluba iNgilane iwuqoshelise kwakwisigaba sokuqala – kodwa amathuba
ewafumeneyo ayikwazanga ukuwasebenzisa. AmaNgesi abhakuzelise umnatha kumzuzu
wesihlanu emva kwebhola ekhatywe kakuhle kakhulu nguKieran Trippier oshiye uDanjel
Subasic engazi nokuba makathini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iNgilane ihamba
phambili emva kokudlala umdlalo ozinzileyo nakubeni bekubonakala ukuba iCroatia
ikhangela igowuli lokulinganisa.

Ifumene
ubunzima yona iCroatia kwisigaba sokuqala. ULuka Modric, u-Ivan Perisic no-Ivan
Rakitic ngamadoda ayibeka phantsi ibhola, angancaliyo futhi asoloko ezama
ukuqinisekisa ukuba iqela lizuza impumelelo. Lo nto ayenzile nanamhlanje. Baye bathi
gqolo benkqonkqoza yade yavula iNgolane emva. UPersic ufake igowuli
lokulinganisa elithathe umdlalo layokuwulahla kwixesha elongezelelweyo. Igowuli
eliwabulele amalungu AmaNgesi lifakwe sisiququ uMario Mandzukic kusele imizuzu
elishumi nanye. Iphumelele iCroatia, ngalo ndlela yaba ifumana ithuba layo
lokuqala elicacileyo lokuphumelela indebe yehlabathi. Umdlalo wokugqibela
uphakathi kweCroatia neFrance ebethe iBelgium ngo’1-0 izolo ebusuku.

Croatia: Danjel Subasic, Ivan Strinic, Domagoj Vida,
Dejan Lovren, Sime Vrsaljko, Ivan Perisic, Marcelo Brozovic, Luka Modric, Ivan
Rakitic,  Mario Mandzukic.

England: Jordan Pickford, Harry Maguire, John Stones,
Kyle Walker, Ashley Young, Jesse Lingard, Jordan Henderson, Dele Alli, Kieran
Trippier, Harry Kane, Raheen Sterling.