Ikhangela abadlali abatsha iMthatha Bucks

Njengokuba isizini ivaliwe kwinqanaba leNational First Divison league, ukuvalwa kwayo kunika ithuba amaqela angakhange aqhube kakuhle ukuba akhangele abadlali ukuqinisa kwezo ndawo ebesilela kuzo.

Neqela lephondo leMpuma Koloni ekuphela kwalo elidlala kwinqanaba leNFD League, iMthatha Bucks ikwelo phulo lokukhangela abadlali abatsha ukulungiselela isizini entsha ezayo.

Kwikhasi lonxibelelwano likaTwitter leli qela, iBucks ibhengeze ukuba izakusindleka iTrials kwibala iRotary Stadium ngempela nyanga, apho izakube likhangela abadlali abakulungeleyo ukudlala kuyo.

Sincokola nengqonyela yeli qela, uLunga “Doc” Tukute uvumile ukuba ngokwenene eli qela likwiphulo lokukhangela abadlali abasakhulayo abazakuba lihlumelo kwiqela labo.

“Sifuna abadlali abangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu, lo nto iyakuthetha ukuthi sijonge abadlali abazalwe ngo1994, 1995 uyokuma ku1996”, utshilo uTukute.

“Abadlali abafuna ukuthatha inxaxheba kufuneka bayazi ukuba sizakuthatha iintsuku ezintathu zonke sichonga abadlali,” woleke watsho.

Ukuchongwa kwabadlali kuzakuqala ngomhla wama-30 kule nyanga uyokuphela kwezayo ngomhla wesi-3.

UTukute uthi bonke abadlali abanomdla wokuthatha inxaxheba kufuneka baziphathele izinto zabo zokudlala, kwaye baphathe nezazisi zabo, Identity document.

Ukwathi abadlali bayacelwa ukuba bazicwagcisele ngokwabo iindawo zokuhlala ukwazi bavuke kufutshane njengoko kuzathatha iintsuku ezintathu ukuchongwa kwabadlali.

Abadlalali abadlala kwinqanaba le-ABC Motsepe League ngabona athi basethubeni elihle lokuba bachongwe yiBucks, nangona esithi kwelinye icala bagxeleshe nabadlali abancinane.

UDavide Radebe ukhululwe, nendima yakhe ayidlalileyo ukusindisa eli qela ezembeni ubulelwe ngabaphathi beBucks.