Ikhangela indlela yokuphuma engxakini iChippa United

Kule sizini ka2019/20, AmaZulu neChippa United ngawona maqela atsala nzima kakhulu.

Omabini sele egxothe abaqeqeshi ngenxa yokungaqhubi kakuhle. Kubi kakhulu kwiChippa ngoba ihleli ekugqibeleni kwiPSL kwaye kwimidlalo elithoba phambi kowayizolo, ibingekakwazi ukuphumelela.

Kwiveki ephelileyo, iChippa United idlale umdlalo omhle kakhulu nangani iye yoyiswa yiMamelodi Sundowns ngo’4-3 kumapenela emva kokuba umdlalo we Telkom Knockout uphele ingu’2-2 eNelson Mandela Bay Stadium.

Le veki inika uNorman Mapeza namakhwenkwe akhe ithuba elihle lokuguqula imeko iqela elizibhaqe likuyo emva kwesiqalo sesizini esibi.

IChippa United iza kudibana naMaZulu emdlalweni weAbsa Premiership oza kube ubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.

Ukuba kunokwenzeka iChippa iphumelele, lo nto iya kuyinceda yongeze kumanqaku amane ewaqokelele emidlalweni emine edlale ntanganye kuyo.

Nangona uMapeza ebekhe akoneliseka ngumgangatho wabadlali bakhe emva kokubethwa kwalo yiHighlands Park kwezi veki zidlulileyo – kodwa uye wancoma emva kokuba iqela lakhe limelene neSundowns eqhayisa ngeziqwayi zabadlali. “Umdlalo ubumhle kakhulu,” utshilo uMapeza ethetha neentatheli eBhayi.

Ufike eqeleni elisokolayo kodwa eyona nto yenza kube nzima ukulungisa iChippa kukuba umnikazi wayo uyagxotha nanini na xa ecingile.

Lo nto yenza kungabikho zinzo kakuhle, kokubini kwicala labaqeqeshi nakubadlali.

“Abadlali bethu badlale kakuhle ngoba abantu bebecinga ukuba iSundowns iza kuzihambela apha kuthi.

Indlela abanikelene ngayo, abahlaselene ngayo nendlela abadlale ngayo emva indikholisile futhi indinike ithemba,” utshilo uMapeza emva komdlalo.

Ukungabikho komdlali ofana noTercious Malepe ngeke kumphazamise uMapeza ngoba kukho abadlali abaphilileyo abafana noThabo Rakhale abakulungeleyo ukudlala emva kokuphazanyiswa kukonzakala.

Ukuba AmaZulu anokuyiphumelela imidlalo yale veki yomibini, lo nto ingalinceda kakhulu ilinge lawo lokusuka emsileni.

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Bloemfontein Celtic @Harry Gwala Stadium, 20:00; Bidvest Wits vs SuperSport United @Bidvest Stadium, 20:00.

Mgqibelo: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates @FNB Stadium, 15:30; Stellenbosch vs Highlands Park @Cape Town Stadium, 15:30; Polokwane vs Baroka @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; AmaZulu vs Chippa United @Princess Magogo Stadium, 20:15

Cawe: Black Leopards vs Cape Town City @Thohoyandou Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Mamelodi Sundowns @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30

pedro.mapelo@inl.co.za