Ikhangela iqela elitsha ifolosi yeBlack Leopards emva kokufumana iwonga

Absa Premiership Top Goal Scorer is Mwape Musonda of Black Leopards during the PSL Awards 2018/19 at Durban ICC on 19 May 2019 Gerhard Duraan/BackpagePix

Umdlali
weBlack Leopards, uMwape Musonda, uthi unomnqweno wokwenza imbali ngokufanayo
noCillins Mbesuma – owazenzela igama ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokufaka
amagowuli angamashumi amabini anesihlanu (25) kwisizini enye. Ifolosi
yeLeopards, ephuma kwelaseZambia ngokokuzalwa, igoduke newonga lomdlali ofake
amagowuli amaninzi emva kokufaka ishumi elinesithandathu (16) kwisizini
yePremier Soccer League ka-2018/19. Ngoku uMusonda uzibekele umgomo wokufaka
amagowuli angaphezulu kwalawo awafumene kwisizini egqithileyo. Ukusukela
kwisizini ka-2004/05, akakabikho umdlali owenze ngcono kunoMbesuma
owayengumdlali weKaizer Chiefs ngoko.

Abadlali abafana noBernard Parker, uPercy Tau,
uChris Katongo noSiyabonga Nomvethe bazamile – kodwa abazange bakwazi ukude
bafumane amagowuli alingana nakaNtofo-ntofo. “Ndiyamhlonipha kakhulu uMbesuma.
Ukufaka amagowuli angamashumi amabini anesihlanu wonke (25) yinto enkulu futhi
zonke iifolosi zinomnqweno wokuyenza lo nto. Into awandixelela yona wathi
inkunzi kukuhlala ebhokisini ukuba ndifuna ukufumana amagowuli. Ndizamile
ukuyenza lo nto ndatsho ndafumana ishumi elinesithandathu (16) lamagowuli. Ukuba
ndandikwazile ukusebenzisa onke amathuba, mhlawumbi, ngesithetha ngokuba ndifumene
inani lamagowuli elilingana nelikaMbesuma,” utshilo uMusinda, obechulumancile
emva kokwamkela iwonga lakhe eThekwini kwimpelaveki ephelileyo.

Njengokuba
uMusonda efake amagowuli amaninzi kwisizini egqithileyo, kulindeleke okokuba
atsalane ngaye amaqela amakhulu kwiPSL. Phakathi kwamaqela amfunayo kuthiwa
iChiefs iphakathi kwaloo maqela emva kokuba ivale isizini ingaphandle kweTop 8.
UMusonda uxelele iintatheli okokuba ukulungele ukutshintsha isikhundla. “Sonke
siyakufuna ukukhula ebholeni. Ndiyayibulela iLeopards ngoba iye yandiphatha
kakuhle iisizini ezintathu. Ndichulumancile nam ngoba ndiyenzile indima
ebonakalayo. Kodwa ndicinga ukuba ixesha lokuba ndiye kwelinye iqela.
Ndakumamela ukuba kukho iqela elibeka into etafileni,” uvale ngaloo mazwi uMusonda.