Ukusukela kulo nyaka ukuya phambili, iChippa United ithi ifuna ukukhangela abadlali abasakhulayo ezilalini nasezilokishini zephondo leMpuma Koloni. Oku kuthethwe nguEric Carlos Mtshamba onikwe uxanduva lokuqeqesha iChippa United edlala kwiMultiChoice Diski Challenge.
Akuphelelanga apho, uMtshamba unikwe uxanduva lokukhangela abadlali abanetalente abaza kudlalela iChippa eminyakeni ezayo. Ethetha neli phephandaba kutshanje, uMtshamba uthe uza kubeka ingqondo yakhe kanye emsebenzi awunikiweyo nguSihlalo weChippa, uMnu. Siviwe Mpengesi.
Njengokuba iChippa United ibethe iMarumo Gallants ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokuqala weDiksi Challenge, into encomekayo kukuba idlalise abadlali abaninzi abaneminyaka abaphakantsi kweshumi elinesixhenxe neshumi elinesibhozo.
Umdlalo abawuvelisileyo usemgangathweni ophezulu nakubeni bebeneentsuku ezimbalwa bezilolonga bonke. Iqela likaMtshamba liza kuyidlalela eMonti yonke imidlalo yalo yeDiski Challenge kule sizini ngenxa yokungapasiswa kweWolfson Stadium eseneengxaki ezibhaqwe yiPSL ezifuna ukulungiswa ngumasipala.
“Sinabadlali abasixhenxe apha abadlale kwiDiski Challenge okokuqala. Ikamva leMpuma Koloni liqaqambile ebholeni ekhatywayo. Sizimisele ukunika abadlali basezilalini nabaphuma ezilokishini amathuba okudlala ibhola. Ndifuna ukubona abadlali abasuka kooNgcobo, kooNgqamakhwe njalo njalo. Esi sisiqalo sezinto esiza kuzenza ukusukela ngoku ukuya phambili.
Sifuna ukuthi kuphela le sizini sibe sinabadlali abane abasuka apha kuthi abadlalela iChippa United edlala kwiPSL,” utshilo uMtshamba owavelisa abadlali abafana noAphelele Teto waseMonti. Kwinyanga ephelileyo, uMnu. Mpengesi wenze uKwanele Kopo umqeqeshi oyintloko weChippa, wathatha uThabo September wamenza isekela ukuze asebenzisane nomqeqeshi weqela elidlala kwiDiski Challenge.
UKopo noSeptember banembali entle kwicala lokuphuhlisa abadlali abakhulayo ngoba yinto abayenze iminyaka kwiSuperSport United – apho basuka khona bobabini. Nakubeni iChippa inabo abadlali abathembisayo kwiqela elidala – kodwa bambalwa abaphuma kweli phondo.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!