Ikhangela umqeqeshi kwakhona iChippa United!

Emva kokuhamba kukaNorman Mapeza, ngoku iChippa United ikhangela umqeqeshi omtsha kwakhona kule sizini

Kuye kwanyanzeleka kukhwetywe uMbuyiselo Sambu ukuze ajongane neqela emva kokuba uNorman Mapeza ebeke phantsi njengomqeqeshi weChippa United.

Ziindaba ezo ezothuse bonke abantu ngoba lo nto yenzeke emva kokuba iChippa ibethe AmaZulu ngo’1-0 emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

UMapeza wafika kwiChippa United ekuzeni kuphela kuka2019, ethatha iintambo ezazibanjwe nguSambu emva kokoyisakala kukaDuran Francis owayebambele emva kokugxothwa kukaClinton Larsen emva kwemidlalo emihlanu ekuqaleni kwesizini.

Ziye zaguquka izinto kwiChippa United emva kokufika kukaMapeza. Emva kwexesha elide ihleli ekugqibeleni kwiAbsa Premiership, yade yakwazi ukunyukela kumaqela asibhozo aphambili emva kokucholachola amanqaku emidlalweni eliqela ekuqaleni kwalo nyaka.

Nangona yasukayo iChippa endaweni embi kodwa iye yabuya umva emva kokubethwa ngamaqela afana nePirates, iSundowns neSuperSport.

Isendaweni yeshumi alinambini ngoku kwaye ayikaphumi ncam engxakini ngoba ishiya amaqela asemva kwayo ngamanqaku ambalwa kakhulu.

Kodwa eso ayisiso isizathu esibangele ukuhamba kukaMapeza.

Abasemfuthweni wolwazi bathi kubekho ukungevani okuye kwaqhambuka ngenxa yemiba ethile engazange iqosheliswe kwisivumelwano sengqesho sikaMapeza. Umlawuli weChippa, uLukhanyo Mzizi, uvumile kwisikhululo sosasazo, iRadio 2000, ukuba ngokwenene uMapeza ugqibe kwelokuba uyayeka ukuqeqesha iqela kodwa basazama ukuthetha naye ukuze kwenzeko oko babevene ngako ngethuba lokuqeshwa kwakhe.

Okunye aphinde wakuqinisekisa kukuba iqela likhangela umqeqeshi omtsha. Akukacaci okokuba ngubani oza kuqeqesha iChippa edume ngokuba lelona qela eligxotha abaqeqeshi kakhulu eMzantsi Afrika. Kwinqwaba yabaqeqeshi kule sizini, nguMapeza yedwa okhe akabethwa emidlalweni emihlanu efunqule iChippa.

Konke oku kwenzeka iChippa inomdlalo obalulekileyo eza kuwudlala neBidvest Wits ngo-20:15 ngoMgqibelo, eBidvest Stadium.

Kwiiveki eziphelileyo, iWits ibethe iChippa ngo’2-0 emdlalweni weNedbank Cup.

Izinto ezenzeka kwiChippa ziza kwenza kube nzima kwiChippa njengokuba isiya kwiWits eyophisayo emva kokubethwa yiSuperSport United ngo’2-0 eMbombela Stadium kwiveki ephelileyo.

IWits ifuna ukuphumelela ukuze iqabele ngaphaya kweSuperSport ehleli kwindawo yesine. Yona iChippa ifuna ukuphumelela ukuze ibhekele ezembeni.