Ikhangela umqeqeshi omtsha iSafa egxothe uMolefi Ntseki ingamxelelanga

Thulani Ngwenya, SAFA Doctor with Molefi Ntseki, coach of South Africa during the 2021 Afcon Qualifier South Africa Press Conference at the Hilton Hotel in Johannesburg on 22 March 2021 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSafa, ukhangela umqeqeshi omtsha emva kokugxotha uMnu. Molefi Ntseki izolo eminimaqanda. OkaNtseki waqeshwa yiSafa ngo-2019, engena endaweni kaStuart Baxter owagqiba kwelokuba azichinte iintente engabhungisanga emva kwezigxeko awazityatyekwayo ngenxa yendlela aBafana Bafana abadlala ngayo kwi-Afcon eyayisingathwe lilizwe lakwaFaro – iYiphutha.

UNtseki ugxothiwe izolo ngenxa yokungakwazi kweqela lesizwe ukufumana indawo kweyona tumente enkulu kwizwekazi le-Afrika (Afcon) eza kubanjelwa eCameroon. UMzantsi Afrika ubethwe ngo’2-0 yiSudan ngeCawe edlulileyo emdlalweni oye kuwo unenqaku esandleni emva kokubambana ngo’1-1 neGhana ngoLwesine weveki ephelileyo. Zimbini izinto awaziqeshelwayo uNtseki: kukuthatha iqela lesizwe alise kwi-Afcon nakwiNdebe yeHlabathi.

Eyokuqala ayenzekanga, kuye kwacaca ukuba iSafa yoyika elinye ihlazo lokungayi koMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi owagqibela kuyo ngethuba usingathe eyokuqala eyayidlalelwa e-Afrika ngo-2010. “Isigqeba esilawulayo sigqibe kwelokuba akhululwe umqeqeshi kwintlanganiso ebibanjwe izolo,” utshilo uTebogo Motlanthe izolo. Uvumile emva komdlalo uNtseki ukuba uwe ngeneno emsebenzini obulindelekile kuye.

“Injongo yeSafa ibicacile: ibukukuthatha iqela lesizwe liye kwi-Afcon nakwiNdebe yeHlabathi. Ndiphoxeke kakhulu ngoba okwenzekileyo kuchaphazela mna njengomqeqeshi. Okuhle nokubi okwenzeka kwiBafana Bafana kuqala apha kum. Ndingatsho ndithi ndoyisiwe kukwenza umsebenzi njengomqeqeshi,” utshilo uNtseki.

Ngaphandle kokuyeka kufakwe amagowuli amabini kwisigaba sokuqala, uNtseki ukhale ngokungafumaneki kwabadlali ngenxa yeKhorona nokonzakala kwabanye. “Siwuqale kakubi umdlalo ngokuvulela amagowuli. Enyanisweni, ukonzakala kwabadlali abafana no-Andile Jali noRivaldo Coetzee nokungafumaneki kwabadlali ngenxa yeKhorona kongeze iingxaki zethu,” utshilo uNtseki.