IKhanya FM iqokelela ulutsha ngemidlalo

Isikhululo sasekuhlaleni sikanomathotholo esiseGcuwa, iKhanya Community Radio, kulindeleke ukuba isindleka imidlalo entlobo-ntlobo, equka ibhola ekhatywayo kunye nebhola yomnyazi ngosuku lolutsha, iJune 16 ngoLwesihlanu. Izakube ikokuqala ezimbalini esi sikhululo siqaphela olu suku lolutsha ngokuthi sisingathe imidlalo. Umququzeleli wale tumente nowongamele icandelo lwezentengiso eKhanya FM, uGedion Zanazo, uthi kule midlalo bazakuthelekisa amaqela anabadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesixhenxe kuphela, kwibhola yomnyazi kwakunye nakwibhola ekhatywayo.

“Okwangoku siqalayo ukusindleka le midlalo sifuna ukudlalisa abadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesixhenxe kuphele,” utshilo uZanazo

Uthi injongo zokwenza oko bafuna ukuqala kwabo baselula ngeminyaka ukuphuhlisa ezemidlalo kwindawo yaseMnquma neendawo ephumela kuzo iKhanya FM. UGedion uthi kuzakube kukho abachongi abazakube bephuma kuMthatha Bucks nabanye abazakube besuka kumaqela adlala kwi-ABC Motsepe League.

“Kuba sifuna uphuhlisa imidlalo kule ngingqi, simeme uMthatha Bucks, iTornado FC neWalter Sisulu University ukuze zizokujonga abadlali,” utshilo uZanazo.

Amaqela aphumeleleyo azakunikwa izigubha zamabhaso kwaye kulindeleke noKumkani uZwelonke Sigcawu. UZanazo uthi amaqela afikelele kumanqam kumnyazi nakwibhola ekhatywayo azakufumana ikiti iqela ngalinye kuwo, lize eliphumeleleyo ligoduke nentyweka yemali nendebe enkulu. Imidlalo izakubanjelwa kwibala laseWalter Sisulu University, kwilokishi yasBika, ngoLwesihlanu kusasa ngentsimbi yesibhozo, kwaye kuzakube kukho nemvumi zasekuhlaleni ezizakonwabisa abathandi bezemidlalo. Amaqela afuna ukuba yinxalenye yale midlalo, uGedion uthi makabhalise eKhanya Community Radio de phambi kwentsimbi yesihlanu ngoLwesine. Amagosa wombutho webhola ekhatywayo, iSouth Africa Football Association, eMnquma, kulindeleke ancedise kule midlalo ngokuthi akhuphe oosompempe abaqeqeshiweyo abazakuphatha le midlalo.