I’solezwe lesiXhosa liphinde lancokola nomlandeli omkhulu weKaizer Chiefs kule veki. Le ndedeba isibalisela indlela eyayifunda ngayo ibhola ekhatywayo, neyayilandela ngayo ekwinqanaba eliphezulu. Uthe gqaba-gqaba ngezinto acinga ukuba zingenzeka kwiChiefs kule sizini ka’2016/17.
MM: Igama lam ndinguMziwoxolo Mlonyeni. Ndazalelwa kwilali yaseGwadana (eDutywa), ngoku ndiseKapa – apho ndisebenza khona esipoliseni.
PM: Kwakutheni uze ukhethe iKaizer Chiefs?
Mziwoxolo Mlonyeni: Njengomntu okhulele ezilalini, inye jwi into ebendiyazi – yibhola ekhatywayo. Kudala kwakukho utitshala owayethanda kakhulu ibhola – kodwa elandela i-Orlando Pirates, esasithanda ukuncokola naye ngemiba yebhola.
Mna ndazithandela iChiefs. Ngezo ntsuku umdlali-siswini uDoctor Khumalo wayesenza ezibukwayo kwiChiefs kwaye enefuthe elingumangaliso kwibhola ekhatywayo. Indlela Amakhosi awayeyibeka ngayo ibhola phantsi yiyo eyaba nomtsalane apha kum.
PM: Isaqhuba kakuhle kwezi ntsuku iChiefs, uziva njani?
MM: Sinyamezele ngoba umzingisi akanashwa. Ndinalo ithemba, izinto zizojika kule isizini futhi ikhona into esiza kuyifumana ekugqibeleni.
PM: Ngoobani abadlali obathandayo kwiChiefs?
MM: Ndibathanda bonke abadlali beChiefs – kodwa kukho aba badlali: UDoctor Khumalo, uSiphiwe Tshabalala no-Itumeleng Khune. Ndibathandile abo badlali kwiChiefs ngoba bakuthobele ukudlalela iChiefs kwaye badlala ngokukhuthala okungumangaliso ngamaxesha onke.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!