Ikhona into esizakuyifumana kule isizini – Mlonyeni

I’solezwe lesiXhosa liphinde lancokola nomlandeli omkhulu weKaizer Chiefs kule veki. Le ndedeba isibalisela indlela eyayifunda ngayo ibhola ekhatywayo neyayilandela ngayo ekwinqanaba eliphezulu. Uthe gqba-gqaba ngezinto acinga ukuba zingenzeka kwiChiefs kule sizini ka’2016/17.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile, kunjani kuwe?

PM: Ndiphilile nam Bhuti. Siyakwamkela kweli phephandaba labantu….

Umlandeli: Ndiyabulela kakhulu.

PM: Ngokufutshane, ngubani uBhele?

Umlandeli: Igama lam ndinguMziwoxolo Mlonyeni. Ndazalelwa kwilali yaseGwadana (eDutywa), ngoku ndiseKapa – apho ndisebenza khona esipoliseni.

PM: Kwakutheni uze ukhethe iKaizer Chiefs?

Mziwoxolo Mlonyeni: Njengomntu okhulele ezilalini, inye jwi into ebendiyazi – yibhola ekhatywayo. Kudala kwakukho uTitshala owayethanda kakhulu ibhola – kodwa elandela i-Orlando Pirates, esasithanda ukuncokola naye ngemiba yebhola. Mna ndazithandela iChiefs. Ngezo ntsuku umdlali-siswini uDoctor Khumalo wayesenza ezibukwayo kwiChiefs kwaye enefuthe elingumangaliso kwibhola ekhatywayo. Indlela Amakhosi awayeyibeka ngayo ibhola phantsi yiyo eyabanomtsalane apha kum.

PM: Isaqhuba kakuhle kwezi ntsuku iChiefs, uziva njani?

MM: Sinyamezele ngoba umzingisi akanashwa. Ndinalo ithemba, izinto zizojika kule isizini futhi ikhona into esizakuyifumana ekugqibeleni.

Ngoobani abadlali obathandayo kwiChiefs?

MM: Ndibathanda bonke abadlali beChiefs – kodwa kukho aba badlali: UDoctor Khumalo, uSiphiwe Tshabalala no-Itumeleng Khune. Ndibathandile abo badlali kwiChiefs ngoba bakuthobele ukudlalela iChiefs kwaye badlala ngokukhuthala okungumangaliso ngamaxesha onke.