Ikhutshwe zibekwa iBidvest Wits kweyalo unyaka iTelkom Knockout

Bongani Mpandle Goalkeeper of Maritzburg Utd during the Absa Premiership 2017/18 game between AmaZulu and Maritzburg United at King Zwelithini Stadium, Durban on 12 September 2017 Steve Haag/BackpagePix

Emdlalweni wokuqala
weTelkom Knockout yalo unyaka, iMaritzburg United ikhuphe iBidvest Wits zibekwa
eHarry Gwala Stadium ebusuku izolo. Kuye kwanyanzeleka okokuba umdlalo uye
kwixesha olongeziweyo emva kokuba umdlalo uphele amaqela ebambene ngegowuli
elinye macala. Akukho nto enokubaliswa ngesiqingatha sokuqala somdlalo ngoba
akubangakho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangona iWits ibiyiyo
enamandla.

UTerrence Dzvukamanja
ubhakuzelise umnatha ngebhola ayingqube ngentloko emzuzwini wamashumi amahlanu
anesixhenxe emva kwebhola ayifumene kuThabang Monare. Iphindisile uThabiso Kutumela
ngepenela ayifumene emva kokuwiswa nguThulani Hlatshwayo. Iphumelele
ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) iTeam of Choice emva kokuba ixesha
elongezelelweyo liphele kungekho qela elithe lakwazi ukongeza igowuli okanye
amagowuli. Unozinti weMaritzburg United, uBongani Mpandle, uye waliqhawe
emdlalweni wayizolo emva kokuba ethe wavala iipenela ezimbini zonke.