IKing Sabatha Dalindyebo igqugqisile eMbizana

Amaqela ebhola yomnyazi

IKing Sabatha Dalindyebo ziintshatsheli zebhola yomnyazi (Nebtball) ezivunyiweyo zetumente ebibanjelwe eMbizana phambi kwePasika.

Amaqela amaninzi aphuma kwiindawo ezahlukeneyo eMbizana nakwiindawo eziyingqongileyo ahlanganisene kula ndawo ngenjongo enye kwimpelaveki ephelileyo: ukukhuphisana kwamantombazana kwibhola yomnyazi. Emva kwemidlalo ethathe imini yonke, iKSD ibambe eyona ndawo iphambili ikhatshwa ngamawaka amathathu eerandi (R3 000); indawo yesibini ibanjwe yiGamalakhe efumene amawaka amabini eerandi (R2 000) neembasa; kanti kwindawo yesithathu ithathwe yiKokstad efumene iimbasa newaka lerandi (R1 000) kuphela.

Umququzeleli wale tumente, uZwelenkosi Ngidi, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba itumente ihambe kakuhle kakhulu.

“Siqhube kakuhle kakhulu kwaye thina sifumene usuku oluhle kwezemidlalo. Injongo yale midlalo kukukhulisa iitalente zabantwana kwiindawo ekunzima ukuvela kwazo kuzo,” utshilo uNgidi.