IKings iqobongele ama-athalala weRebels izolo

Makazole Mapimpi of the Southern Kings, during the 2017 Super Rugby game between the Kings and the Rebels at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 29 April 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Iqela lombhoxo laseBhayi, iKings, lilwela ubom balo njengokuba kukho ilifu elijingayo phezukwalo ngenxa yeenguqu ezizayo kwiSuper Rugby. Izolo iSouthern Kings ifumene impumelelo yayo yesibini iiveki zilandelelana emva kokubetha kanobom iRebes ngo’44-3 kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium ngokuhlwa. Kwiveki ephelileyo iKings ibethe iWaratahs ngo’26-24 kumdlalo obuseSydney.

Enkundleni yayo iKings, ilwe kwamdaka iisali – phofu bekungekho kulwa kutheni ngoba khange isokole emdlalweni konke konke. Amanqaku ewafumeneyo anika umfanekiso ngqondweni weqela ebeliwonwabele umdlalo nokufaka amanqaku. IKings ilele amatyeli amathandathu onke emgceni kumdlalo obuphakathi kwayo neRebels. Kulo mdlalo abadlali beKings abadlala phambili nasemva benze umsebenzi oncomekayo kakhulu nangona bezikhona iimpazamo phaya naphaya. ULionel Cronje nguye othe wavula indlela ngethuba enika iKings amanqaku, emva koko kulandele umdlali-phikweni uMakazole Mapimpi obezidlakaza ukusukela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni iRebels kulo mdlalo.

Kweminye imidlalo iziphumo zihambe ngolu hlobo: IBlues ibethe iBrumbies ngo’18-12 namhlanje ekuseni eCanberra Stadium. Yona iCell C Sharks ibethe iJaguares ngo’33-25 izolo. Kanti iCeusaders ivuthulule iToyota Cheetahs ngo’48-21 eBloemfontein. Zona iVodacom Blue Bulls zibethe iWelwitchias ngo’50-25 eWindhoek. IGolden Lions ibethe iPumas ngo’40-29 kwaNyamazane Stadium, eMpumalanga.

Kings Tries: Wandile Mjekevu, Martin Bezuidenhout, Tyler Paul, Pieter-Steyn de Wet, Makazole Mapimpi, Masixole Banda. Conversions: Lionel Cronjé, De Wet (3). Penalties: Cronjé (2).

Rebels – Penalty: Reece Hodge.


Kings 15 Masixole Banda, 14 Wandile Mjekevu, 13 Berton Klaasen, 12 Luzuko Vulindlu, 11 Makazole Mapimpi, 10 Lionel Cronjé (c), 9 Louis Schreuder, 8 Andisa Ntsila, 7 Tyler Paul, 6 Chris Cloete, 5 Wilhelm van der Sluys, 4 Irne Herbst, 3 Ross Geldenhuys, 2 Martin Bezuidenhout, 1 Justin Forwood.
Subs: 16 Michael Willemse, 17 Schalk van der Merwe 18 Dayan van der Westhuizen, 19 Mzwanele Zito, 20 Stefaan Willemse, 21 Johan Steyn, 22 Nicolaas Hanekom, 23 Pieter-Steyn de Wet.


Rebels 15 Reece Hodge, 14 Sefa Naivalu, 13 Tom English, 12 Mitch Inman, 11 Marika Koroibete, 10 Ben Volavola, 9 Mick Snowden, 8 Amanaki Mafi, 7 Colby Fainga’a (c), 6 Jake Schatz, 5 Culum Retallick, 4 Steve Cummins, 3 Tyrel Lomax, 2 Siliva Siliva, 1 Fereti Sa’aga.
Subs: 16 James Hanson, 17 Toby Smith, 18 Laurie Weeks, 19 Dominic Day, 20 Hugh Sinclair, 21 Jack Debreczeni, 22 Will Miller, 23 Jackson Garden-Bachop.


SA Rugby magazine's photo.