IKings izuze amanqaku apheleleyo kumdlalo obunzima

Iqela laseBhayi, i-EP Kings, libethe iSWD Eagles kumdlalo weSuperSport Rugby Challenge namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: SuperSport

Umgangatho womdlalo wesibini kwitumente yombhoxo eSisa Dukashe Stadium ngale njikalanga awubadanisanga kwaphela abalandeli abaqikelelwa kumawaka amahlanu abaphume ngelizokonwabela imidlalo. Njengokuba iSwallows ivuthulule iWinter Rose ngemvula yamanqaku kumdlalo wokuqala kule SuperSport Rugby Challenge – nakulo wesibini umdlalo bezikhamana nyhani. Iqela lombhoxo laseBhayi, i-EP Kings, kuye kwanyanzeleka ukuba lizame ngandlela zonke ukuze libethe iSWD Eagles ebigoloza kumdlalo ophele ngo’24-21.

Kufana nokuba idlalela ekhaya iKings xa iseMonti – mhlawumbi zezinye zezinto eyincedileyo kulo mdlalo ngoba yiyo ekhawuleze yathezela emnxebeni ngokuthi ifake amanqaku emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iphala phambili ngamanqaku aliqela iKings. Okuphawulekileyo kwiKings kukuba iliqela elidlala kakuhle kakhulu, elithembe kubadlali balo ababalekayo nababonanayo xa bedlala. Njengokuba iKings ibikhokela phambi kokuya kwixesha lokuphumla, abadlali be-Eagles babuye belume ongezantsi kwisigaba sesibini. Ziliqela izinto abazenze kakuhle ezithintele iKings ekudlaleni umdlalo wayo wesiqhelo; xa kusiyiwa phambili abadlali be-SWD Eagles bebenikelena kakuhle ngebhola, bebekwazi ukuyigcina kubo ithuba elide ibhola lo nto ibibanika ithuba lokulawula umdlalo kwaye ibinkunza emgqushweni.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

UMjekevu weKings ebedlokova okwempunzi kulo mdlalo – kodwa ngelo xesha i-Eagles ibiseyibuqina emdlalweni wayo futhi ingasenawo umnqweno wokuvumela kungene amanye amanqaku. Abanye babadlali abathe badlala kwi-Eagles baquka u-Eksteen – obemhle kakhulu ngonyawo lwakhe noMarlo olele emgceni sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Nangona isigaba sesibini silawulwe yi-Eagles kwade kwasekugqibeleni – kodwa ayikwazanga ukuyibetha iKings ekupheleni kwemini. Ngalo ndlela iqela laseBhayi liya kumdlalo walo ozayo ukuzithemba kuphezulu emva kwempumelelo eliyifumene nzima eSisa Dukashe Stadium.