IKings neCheetahs aziqalanga kakuhle kwiPro14 yaseYurophu

ISouthern Kings neCheetahs zibuye zintywizisa kwiPro14. Umfanekiso: Kings

Iqela lombhoxo laseMpuma Koloni aliqalanga kakuhle konke emva kokuba libethelwe oogqirha nezicaka kumdlalo wokuvula kwiPro14  yaseYurophu izolo. IKings ivuthululwe ngo’57-10 yiScarlets kumdlalo wokuqala kwiPro14. Iqela likaDeon Davids lazibandakanye namaqela aseYurophu kwezi nyanga zidlulileyo emva kokuguzulwa kwiSuper Rugby kwisizini egqithileyo. Amakhwenkwe kaDavids aye kulo mdlalo engekadibani kakuhle emva kokuqokelela iqela elitsha ngenxa yokuthengwa kwabadlali bakhe ngamaqela adlala kwiSuper Rugby. Abadlali beKings baqale ukudibana kakuhle enkampini kwezi veki zidlulileyo – lo nto yenze kwanzima xa bedlala kulo mdlalo wayizolo. Nangona bekukho lo ngxaki – kodwa iKings izamile ukutyhala emdlalweni.
 
IScarlets ngoompetha bale tumente emva kokuphumelela kwisizini edlulileyo kwaye ukubetha kwabo iKings akothusanga ngoba babethwe ngamaqela amabalwa kakhulu kwisizini edlulileyo. Abanye babadlali abathe bazibonakalisa kulo mdlalo baquka uKurt Coleman noYaw Penze abebegabadula okwamahashe omdlarho. Ibe lilishwa nje ukudibana neqela elifana neScarlets elivale isizini lidlala umdlalo odibeneyo. Uninzi lwabantu abalandela umbhoxo eMpuma Koloni naseMzantsi Afrika bazakuwabukela ngomdla omkhulu amaqela adlala kwiPro14. Yona iCheetahs ivuthululwe yi-Ulster ngo’42-19. Umqeqeshi weCheetahs, uRory Duncan, usola amakhadi atyheli anikwe abadlali bakhe njengonobangela wokubethwa kweqela lakhe. “Sibethakele kakhulu ngethuba abadlali bethu benikwe amakhadi – kodwa zizinto zasemdlalweni ezo.

             No automatic alt text available.
 
 

Scarlets
– Tries: Johnny McNicholl (2), Leigh Halfpenny, Rhys Patchell, Jake Ball, Emyr Phillips, Hadleigh Parkes, Steff Evans. Conversions: Halfpenny (3), Patchell (4). Penalty: Halfpenny.

Kings
–  Try: Yaw Penxe. Conversion: Kurt Coleman. Penalty: Coleman.


Scarlets
– 15 Leigh Halfpenny, 14 Johnny McNicholl, 13 Hadleigh Parkes, 12 Scott Williams, 11 Steff Evans, 10 Rhys Patchell, 9 Gareth Davies, 8 John Barclay (c), 7 James Davies, 6 Aaron Shingler, 5 Tadhg Beirne, 4 Jake Ball, 3 Samson Lee, 2 Ryan Elias, 1 Rob Evans.
Subs: 16 Emyr Phillips, 17 Dylan Evans, 18 Werner Kruger, 19 David Bulbring, 20 Will Boyde, 21 Jonathan Evans, 22 Rhys Jones, 23 Paul Asquith.

Kings
– 15 Masixole Banda, 14 Yaw Penxe, 13 Berton Klaasen, 12 Luzuko Vulindlu, 11 Sibusiso Sithole, 10 Kurt Coleman, 9 Rudi van Rooyen, 8 Andisa Ntsila, 7 Victor Sekekete, 6 Khaya Majola, 5 Dries van Schalkwyk, 4 Jurie van Vuuren, 3 Rossouw de Klerk, 2 Michael Willemse (c), 1 Schalk Ferreira.
Subs: 16 Stephan Coetzee, 17 Luvuyo Pupuma, 18 Entienne Swanepoel, 19 Bobby de Wee, 20 Siyabulela Mdaka, 21 Godlen Masimla, 22 Ntabeni Dukisa, 23 Jacques Nel.