IKings neCheetahs ziguzulwe kwiSuper Rugby namhlanje

Malcom Marx of Lions is tackled by Lubabalo Mtyanda of Kings (r) and Dayan van der Westhuizen of Kings (l) during the Super Rugby match between Lions and Kings on 28 May 2017 at Emirates Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Namhlanje iSA Rugby iphalaze iindaba ezibuhlungu kubalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika ngethuba isazisa ukuba iSouthern Kings neCheetahs ziza kususwa kwiSuper Rugby ukusukela kunyaka ozayo. Ukuguzulwa kwala maqela mabini kuza emva kwesigqibo sokucutha inani lamaqela adlala kwiSuper Rugby ukusuka kwishumi elinesibhozo ukuya kwishumi elinesihlanu ekuqaleni kwalo nyaka.

Iingxelo zithi omabini amaqela asusiweyo kwiSuper Rugby azikhethele ukuphuma kuba esithi anomnqweno wokukhangela ezinye iindawo zokudlala kwihlabathi ezifana ne-Europe’s Pro 12. Ukususwa kwamaqela kuhambelana ncam nesigqibo esathathwa yiSanzaar sokucutha inani kukhuphiswano lwayo ngenxa yokwehla kwamanani wabantu ababukela umbhoxo emabaleni nengeniso kulo mdlalo.

Isigqibo esithathwe yiCheetahs silandela uphendlo olunzulu olwenziwe yibhodi elawula eli qela. “Yinto le esicinga ukuba izakuba nomtsalane ongumangaliso kubalandeli bethu nakubaxhasi bethu ukubona siqala ubom obutsha kwenye indawo ngoba lo nto izakusinika ithuba lokuthatha umbhoxo weli lizwe siwubeke kwenye indawo,” itshilo ingqonyela yeCheetahs, uHarold Verster.

IMpuma Koloni yindawo ephambili kwicala lokuvelisa abadlali abaphambili kwibhola yombhoxo – ukuthotyiselwa kweKings kwiSuper Rugby kuzindaba ezimbi – kodwa abaphetheyo bagqibe kwelokuba bakwamkele okwenzekileyo. “Bekusoloko kukho ukungacaci kwekamva leli qela lethu kwiisizini ezidlulileyo – kodwa ngoku sifumana ithuba lokudlala kwenye indawo,” utshilo umongameli we-EP Rugby, u-Andre Rademan.

                                              

Francois Venter (captain) from the Cheetahs during the 2017 Super Rugby game between the Cheetahs and the Stormers at Toyota Stadium in Bloemfontein, South Africa on 1 July 2017 © Gerhard Steenkamp/BackpagePix

Mane amaqela welizwe loMzantsi Afrika azakuthi athathe inxaxheba kwiSuper Rugby emva kokuphuma kwala mabini ekukholeleka ukuba azakudlala kwi-Europe’s Pro 12 ukusukela kwisizini ezayo. Besikonwabele ukudlala kwiSuper Rugby – kodwa ke ngoku kufike ixesha lokuba sijonge kwezinye iindawo. Ndifuna ukubulela iCheetahs neKings ngokuthatha izigqibo ngendlela ephucukileyo,” itshilo ingqonyela yeSA Rugby, uJurie Roux.